Abarhanelwa ababini abayanyaniswa nokubulawa kuka-AKA baweliselwa eMzantsi Afrika

By Sophumelela Singqota

Amalungu ombutho weInterpol eMzantsi Afrika andulukele ebukhosini base-Eswatini, apho bazakuthatha abarhanelwa ababini ababanjiweyo malunga nokubulala umrepha uKiernan “AKA” Forbes kunye nomhlobo wakhe uTebello “Tibz” Motsoane.

USiyabonga noMalusi Ndimande babanjwe ngamapolisa aseNdlunkulu eSwatini ekuqaleni kwalo nyaka. UForbes noMotsoane badutyulwa ngaphandle kwevenkile yokutyela ekwindlela iFlorida eDurban kweyoMdumba ka-2023.

Isithethi samapolisa uColonel Athlenda Mathe ungqinile ukuba iqela leInterpol liwushiyile uMzantsi Afrika ukuya kunikezelo.

“Ndingaqinisekisa ukuba iqela liwushiyile uMzantsi Afrika, lisendleleni eya kwisikhululo seenqwelomoya iKing Mswati III, apho liza kudibana namagosa asuka kwi-Interpol Eswatini.Unikezelo luza kuqhubeka phakathi kwe-Interpol South Africa, amagosa ethu, ne-Interpol Mbabane,” uMathe uthethe nentatheli kwisikhululo seenqwelomoya iKing Shaka International eThekwini.

“Baza kukhapha aba baninawa babini. Kuxa befikile kwisikhululo seenqwelomoya iKing Shaka International Airport apho amagosa ethu eInterpol aya kuthi anikezele kumphandi okhokelayo wetyala, oya kuthi emva koko aphumeze isigunyaziso sokubanjwa iJ50.”

Ngokutsho kukaMathe, abaninawa bakwaNdimande bafunwa kweli loMzantsi Afrika malunga namatyala amathathu ohlukeneyo okubulala.

“Ityala lokuqala libandakanya ukubulawa komphathi weteksi eManzimtoti ngo-2022, apho bajongene namatyala amahlanu, elesibini linxulumene nelokubulala u-AKA noTibz Motsoane, apho bajongene namatyala alishumi elinanye. Ityala lesithathu lelokubulala umqhubi weteksi kunye nelokuzama ukubulala inkosikazi yakhe, ngamatyala amalunga neshumi elinanye kulo mba,” ucacise watsho uMathe.

Wongeze ngelithi xa abarhanelwa befikile eMzantsi Afrika, bazakubanjwa ngokusemthethweni.

“Umphandi okhokelayo uza kuphumeza isigunyaziso sokubanjwa i-J50 kwisikhululo seenqwelomoya. Uya kuthi emva koko asebenze – athathe iminwe, izilumkiso, kwaye abaxelele ngezizathu zokubanjwa kwabo nezityholo abajongene nazo. Baza kunikwa nelungelo lokuphendula ngamagqwetha abo,” utshilo uMathe.

Emva koko abaninawa baya kusiwa kwisikhululo samapolisa ukuze kuqhutyelwe phambili nenkqubo yaye kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA