By Esona Magawana
Uphando lweProvincial Organised Crime Investigation (OCI) iqalise ukukhangela abarhanelwa abajongene nokubulawa kwabantu abane, owabasetyhini omnye namadoda amathathu kumatyotyombe eAirport Valley, eWalmer ngomhla wesixhenxe KweyeNkanga 2025 malunga nentsimbi yethoba (21:00) ebusuku.
Amapolisa aseWalmer azisiwe ngesi-siganeko sokudutyulwa kwaye ekufikeni kwawo abhaqa izidumbu zabantu abadala abane abangaziwayo (owabasetyhini omnye kunye namadoda amathathu) bonke baqikelelwa ukuba baphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) nengamashumi amathathu (30) ubudala.
Ityala lokubulala (amatyala amane ) livulwe kwisikhululo samapolisa eWalmer kwaye lisaphandwa liqela loPhando loLwaphulo-mthetho oluQuquzelelweyo lePhondo.
Amapolisa abongoza nabani na onolwazi olunokunceda kolu phando okanye onokuthi ancedise ekuchongeni abantu ababuleweyo angaqhakamshelana nomphandi kuPhando loLwaphulo-mthetho oluQhelekileyo kwiPhondo, umcuphi uLieutenant Colonel Sithole kule nombolo 082 457 2812 okanye angalichaza igama lakhe aqhagamshelane neCrime Stop kule nombolo 08600 10111.

