Abarhanelwa abahlanu baza kuvela enkundleni ngokunxulumene nokuhenda abantu baseMzantsi Afrika ukuba balwe kwimfazwe yaseRussia-Ukraine

By Esona Magawana

Abarhanelwa abahlanu kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseKempton Park malunga nokurhwebesha abemi boMzantsi Afrika ukuba baye kulwa kwimfazwe yaseRussia-Ukraine. Abantu abane, kuquka nowasetyhini omnye, babanjwe kwisikhululo seenqwelomoya iOR Tambo International ngoLwesihlanu kwimizuzwana nje phambi kokuba bakhwele iinqwelomoya esingise eRussia.
NgeCawe, kwabanjwa omnye umntu malunga nolu-lwaphulo mthetho.

Owasetyhini phakathi kwabatyholwa kukholelwa ukuba ebeququzelela uhambo kunye nokugaya abantu emkhosini waseRussia Federation. Ngokutsho kwamapolisa, iwaranti yokukhangela umrhanelwa wesihlanu osele eseRashiya ikhutshiwe.

Amapolisa athi kubanjwe izixhobo ze-elektroniki kunye noobhaka ababini ukuze kuqhutyekwe nophando. Aba barhanelwa abahlanu batyholwa ngokutyeshela uMthetho wokuLawulwa koNcedo loMkhosi waNgaphandle (Regulation of Foreign Military Assistance Act.)

Oku kubanjwa kuza emva kweentsuku emva kokuba uDuduzile Zuma-Sambudla, ilungu lombutho woMkhonto weSizwe (MK),intombi yowayesakuba ngumongameli uJacob Zuma, warhoxa njengelungu lePalamente (MP) ngenxa yokubandakanyeka kwakhe ekurhwebeni elinye iqela lamadoda ukuba lilwe kwimida ye-Russia-Ukraine.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA