26.4 C
King William's Town
Sunday, July 20, 2025

Abarhanelwa abathathu baphange isikolo saseGqeberha

Abantu abathathu abenze ngathi bafuna iifomu zokubhalisa baqhathe abasebenzi besikolo samabanga aphantsi iRedhouse eGqeberha.

Isithethi samapolisa, uKapteni Sandra Janse Van Rensburg, uthi amadoda amabini kunye nomfazi bafike ngentsimbi yethoba ekuseni ngoLwesine besithi bafuna iifomu zokubhalisa.

Uthi emva kokuba bevunyelwe ukuba bangene esikolweni, omnye umrhanelwa oyindoda wabonisa umsebenzi umpu owawuphambi kweblukhwe yakhe.

“Emva koko bathatha i-iPhone 11 yommangali, ilaptop kanobhala yohlobo leHP, kunye nesixa semali esingachazwanga kwisefu,” utshilo.

UJanse Van Rensburg uthi abarhanelwa babalekile kwindawo yexhwayelo ngemoto engaziwayo ze kamva nje bavulela ngeembumbulu.

Akukho mntu ubanjiweyo kwaye amapolisa acela nabani na onokuba nolwazi olunokunceda kuphando ukuba aqhagamshelane namapolisa aseSwartkops.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
26.4 ° C
26.4 °
26.4 °
23 %
5.5kmh
66 %
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
12 °
Wed
23 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks