20.2 C
King William's Town
Saturday, October 12, 2024

Simisiwe sicelo sebheyile yegqwetha elinqunyanyisiweyo

Isicelo sebheyile sowayesakuba ligqwetha laseGqeberha ekutyholwa ukuba webe imali engaphaya kwesiqingatha sesigidi seerandi kumhlolokazi nabantwana bakhe, simisiwe phambi kwenkundla kamantyi ngoLwesihlanu.

UShaun Masimla, owasuswa kuluhlu lwamagqwetha ngo2021 ngenxa yetyala elahlukileyo ebelisalindelwe, ubanjwe ngooKhetshe ngoLwesibini.

Inkundla ive ukuba uza kuvalelwa kwizisele zamapolisa kwisikhululo samapolisa eHumewood ngelixa kuqukunjelwa isicelo sakhe sebheyile.

Ngexesha lokuvela kwakhe enkundleni yangaphambili, uMasimla uthi unoloyiko lokuba ubomi bakhe busenokuba semngciphekweni ukuba angabanjelwa kwiziko loLuleko iSt Albans.

Urhulumente utyhola ngelithi webe imali engaphaya kwamakhulu amathandathu amawaka eerandi (R600 000) kumhlolokazi awayemmele kwibango leRoad Accident Fund ngo2018.

Kukwatyholwa ngelithi uMasimla wayengaphandle ngebheyile kwityala lika Schedule 5 ngethuba esenza esi sityholo sokwaphula umthetho.

Ngokwephepha lamatyala umyeni kaSindiwe Mdutyana, uZingisa, wabhubha kwingozi yemoto ngomhla wokuqala kweyeKhala ngo2010, ze ngo2014 wamisela uMasimla ukuba ammele kwibango leRAF.

NgoJanuwari 2018, iRAF yahlawula imali engaphaya kwe-R657 000 kwiakhawunti yetrasti kaMasimla, kodwa kutyholwa ukuba uhlawule kuphela iR80 000 kummangali. NgoMeyi waloo nyaka kwakusele kuphela ama-R660 emali yeRAF kwiakhawunti.

I-Legal Practice Council’s Fidelity Fund ibuyisele uMdutyana isixa-mali esingama-R540 000 ngelahleko.

UMasimla uzakubuyela enkundleni ngomhla weshumi elinesithandathu kuNovemba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
28 %
2.4kmh
36 %
Sat
36 °
Sun
30 °
Mon
16 °
Tue
15 °
Wed
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks