Abarhanelwa ababini abatyholwa ngokudlwengula babanjwe kwiziganeko ezahlukeneyo kule mpelaveki eLibode naseLusikisiki ngokulandelelanayo.
Kwisehlo sokuqala, ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesihlanu kweyoKwindla ngo2024 malunga no21:00 ixesha kwingingqi yaseNtilini eSibangweni eLibode, kubanjwe umrhanelwa otyholwa ngokudlwengula intwazana eneminyaka emithandathu. Kutyholwa ngelithi lo mntwana ulahlekile ze ngethuba abamelwane bemkhangela, bamfumana ekunye nomrhanelwa onamashumi amathathu eminyaka ubudala. Umrhanelwa wabanjwa wavalelwa ngetyala lokudlwengula.
Kwesinye isiganeko esinganxulumananga naso, kutyholwa ukuba ngoMgqibelo umhla we-16 kweyoKwindla ngo-2024 malunga nentsimbi ye-03:00 kusasa, kwadlwengulwa intombazana eneminyaka elishumi elinesixhenxe ubudala eNyathi kwingingqi yaseMnqezu eLusikisiki ngowayesakuba lisoka likanina.
Umrhanelwa ubanjiwe kwaye uzakuvela kwinkundla kamantyi eLusikisiki kungekudala ngetyala lokudlwengula.
Kwelinye icala, Amapolisa aseLusikisiki acela nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni umama wosana olusanda kuzalwa olwafunyanwa kumbindi wedolophu ngoLwesihlanu umhla we-15 kweyoKwindla 2024. Kutyholwa ukuba ngezithuba zentsimbi yesithandathu ngorhatya, olu sana lwafunyanwa kufutshane nendawo yanangcwabi yakwaKhwalo, isongelwe ngeshiti kunye nenapkeni elahlwayo. Umntwana ungeniswe esibhedlele.
Nabani na onokuthi anike iinkcukacha zikamama womntwana omzalayo, uyacelwa ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane okanye iCrime Stop ku-08600 10111.

