15.2 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

Kulindeleke ukuba kubhiyozelwe umsitho wamanina Abbotsford eMonti

Ingcali ekwasisithethi esinamava kwiqoqo lokuxhotyiswa kwabasetyhini uNoludwe Mhlola Miza uthi into yokuba usuku lokubhiyozela kunye nokibungaza amandla abekwe kumanina ayifanelekanga ukuba ilinde umhla wesi – 9 ku Agasti kuphela, uthi oku kuyinto yezolo kwiphondo leMpuma Koloni.

UNoludwe Mhlola Miza unamava eminyaka eli 16 kuqeqesho, uphuhliso kunye nolawulo lwezakhono zoluntu kwiikomiti zezakhono ezahlukeneyo kwiphondo leMpuma Koloni. UMdla wakhe uthi kukusebenzisana namaqela, umtu ngamnye kunye nemibutho ukukhulisa nokuphuhlisa, ekwaxhobisa ukuba umtu abe yinguqulelo yakhe siqu egqwesileyo.

Umhla wama 23 ku Matshi lusuku olubekelwe bucala kumanina ephondo ephela, ukuqaqambisa iinkalo ngeenkalo ezahlukeneyo ezibenza bazive bephelele, bezingca kwaye baqhakaze ebomini, phantsi komxholo othi:”International Women’s Day Symposium” eAudi Centre, e Abbotsford eMonti ngentsimbi yesibini ngenjikalanga.

UNoludwe uthi injongo yokuba atyumbe inyanga ka Matshi kungoba ilizwe jikelele lizakube libhiyozela usuku labasetyhini ngomhla wesibhozo.

“Siye sagqiba kwelokuba ngomhla wama 23 ku Matshi masikhuthaze ukubandakanywa nanjengoko amatyeli aliqela eshiywa ngasemva, nangona kunjalo sisenazo iimbokodo ezizinkokheli kwiingqungquthela, ezikhuthaza ukuba sisibenze ngokusondeleleneyo ekukhuthazaneni nasekubandakanyweni kwamanina” Uthethe watsho.

UNoludwe uthi lomsitho ukwajolise

Uthi lo msitho ukwangokubaluleka ngokunika imbeko kunye nokubhiyozela amanina aphuma kuzo zonke imvelaphi, abatsha nabadala ngenjongo enye yokubonisa umakulinganwe. “Ngawo wonke lo moya uphakamileyo nabo aba basetyhini baye bazinike ithuba lokuzibamba ngasemva ngenxa yokomelela abakubonakalisileyo kwicandelo labo lomsebenzi okanye kubomi babo bemihla ngemihla, kungoko umxholo othi “USAQHUBEKA”. Utshilo UNoludwe.

Esithi Olu luhlelo lwesithoba lokuxhotyiswa kwabasetyhini oluququzelelwa aliququzeleleyo

Phakathi kwabantu abalindeleke ukuzimasa lomsitho kuquka kubo Obekekileyo uStella Ndabeni- Abrahams-uMphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uNkosi(Kazi) Nobhongo Ngonyama- Gqwetha, uNkosikazi Vuyo Zitumane- IGosa eliyiNtloko leMisebenzi kwiSixeko sikaMasipala oMbhaxa waseTshwane, uNkosikazi Lusanda Ngesi-uMphathi wezokusiNgqongileyo kunye noMtshayeli weNtlalo woZinzo noTshintsho ze Ngembonakalo ekhethekileyo evela ku-Ufezisiphosoxolo Mbilini ( uSekela Ntloko wentombazana yaseClarendon High School )

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
91 %
1.3kmh
70 %
Wed
24 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
23 °
Sun
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks