By Asemahle Mbete.
Abasetyhini abaphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu (15) ukuya kwiminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala bachongwe njengeqela elinamanani aphezulu lwe-HIV ne-TB xa kuthelekiswa nabo bonke abantu eMzantsi Afrika.
USekela Mongameli uPaul Mashatile udize iinkcukacha-manani ezothusayo kwiNkomfa yeshumi elinesibini (12) ye-SA AIDS ebibanjwe e-Emperors Palace eKurhuleni, ngoMvulo umhla wesibhozo (08) kweyoMsintsi 2025.
Iinkokeli zoshishino, abaphandi, izifundiswa kunye namagosa aphezulu karhulumente ahlangene ukuvulwa kwenkomfa.
UMashatile uthe iSebe lezeMpilo lisabela kule ngxaki ngamaphulo amabini.
Elokuqala libizwa ngokuba yi-“Vala uMsantsa”, elesibini lithi “Phelisa iPhulo le-TB”.
IPhulo le-TB lijolise ekuvavanyeni abantu abazizigidi ezihlanu kunyaka-mali ka-2025/2026.
UMashatile uthe uMzantsi Afrika unawona manani aphezulu e-HIV ne-TB axhaphakileyo phakathi kwabantu abaneminyaka elishumi elinesihlanu (15) namashumi amane anesithoba (49).
“Xa sicaphula umgca wodumo woMphathiswa wezeMpilo othi, ‘ukuba i-HIV ne-TB ibiyinyoka, intloko yayo ibizakuba seMzantsi Afrika.’
Oku kuthetha ukuba, uluntu lwehlabathi luthembele kuthi ukuze sifezekise ulawulo lobhubhane ukuze wonke umntu aphumelele, kwaye ‘asingekhe sisilele’ njengoko esitsho uGqirha Xulu, iCEO yeSANCO [South African National Civic Organisation].

