IGunyabantu lezoTshutshiso liyasamkele isigqibo senkundla sokuchitha isicelo sokuchitha amatyala olwaphulo-mthetho akubantu abalishumi elinesibini (-12) kwabalishumi elinesihlanu (-15) ababanjelwe kuphando oluqhubekayo lokubulala nokuzama ukubulala kwiYunivesithi yaseFort Hare.
NgoLwesine, umantyi waseDimbaza usichithile isicelo sokuba lo mba ucinywe kuluhlu. Kubanjwe abantu abalishumi elinesihlanu (-15) kwimpelaveki yePasika kumaphondo ohlukeneyo malunga nolu phando, beyokudibana nabanye abantu abalishumi (10), kuquka nabo babesakuba ngabasebenzi baleYunivesithi, abasele bebanjiwe kwaye babekwe ityala ngalo mba.
Abamangalelwa abatsha nguAnna Smith, Paul Tladi, Lucrecia Davids, Mbulelo Gingcana, Nkateko Mawila, Nozuko Mabombo, Thamsanqa Sonjica, Terrence Joubert, Bradley Conradie, Craig Retief, Anwar Khan noNthabiseng Makhoba.
Abanye ababini, uSara Burger noGosain van der Haar, banikwe ibheyile ye-R50 000 umntu emnye, ngelixa owayesakuba ngumsebenzi kwaNokholeji, u-Isaac Plaaitjies, wasityeshela isicelo sakhe sebheyile. “Kwabalishumi elinesihlanu, abalithoba kubo bebengabasebenzi bakwaNokholeji, abanye bengababoneleli-nkonzo, batyholwa ngokusebenzisana ngokunika abanye iikhontrakthi zethenda eyunivesithi ukuze bafumane amaqithi-qithi,” sitshilo isithethi seNPA kwingingqi uLuxolo Tyali.
Uthe iyonke imali ehlawulwe leliziko-mfundo kubaboneleli-nkonzo ingaphezulu kwe-R172 yezigidi zeerandi, “kwaye ubuninzi bayo kutyholwa ukuba iye yangena kwiipokotho zabasebenzi baseyunivesithi abatyholwayo.” “Ukuqukunjelwa kwezi thenda kutyholwa ukuba kwabakho izenzo zobundlobongela kwaNokholeji” utshilo uTyali. Uthe uPlaajties ubekwe ityala kwelinye icala, elinabantu abalithoba ngokubulala umphathi waseFort Hare, uPetrus Roets, kunye nonogada kasekela-Ngqonyela, uMboneli Vesele. Ukwathe bakwabekwa ityala lokuzama ukubulala usekela-ngqonyela uNjingalwazi Sakhele Buhlungu kunye nesekela lakhe uRenuka Vithal nelinye ityala lobuqhophololo.
Ukanti uTyali uthe iNPA izakuchasa izicelo zebheyile zabarhanelwa abatsha abalishumi elinesibini abatyholwa ngalo mba, watsho esithi baceba ukubongezela amanye amatyala.

