Umasipala wasePort St Johns uwongwe ngezixhobo zokucoca noomatshini nguCllr N.R Ngcingca ophuma kwiNkonzo zoLuntu kuMasipala weSithili i-OR Tambo. Ngexesha lephulo lokucoca minyaka le umasipala wase Port St Johns uphume emagqabini ebamba isicoco sokuqala kwisithili kunye nendawo yesibini kwiphondo kolona khuphiswano lohlaza.
Olu khuphiswano lube yimpumelelo, liqalwe likwaxhaswa ngamasebe ohlukeneyo karhulumente aquka kuwo ISebe lezamaHlathi, ukuLoba nokusiNgqongileyo (DFFE) , ISebe loPhuhliso loQoqosho, iMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho(DEDEAT), I-Arhente yeePaki noKhenketho eMpuma Koloni (ECPTA) kunye (neEnvironmental and Crime Awareness) .
UNgcinca ucacise ngobukho bakhe kulo msitho, egxininisa ukuzinikela kwakhe,
unobangela wokuzinikezela kwakhe ekuthatheni inxaxheba kubaseki abakhuthaza ucoceko nokubaluleka kokusingqongileyo kubahlali bedolophu. “Ndiye ndagqiba kwelokuba ndize ndinikezele ngezi zinto kunye nezixhobo zokusebenza kumasipala ukuze nibe ngamangqina am nonke, isizathu sesibini sesokuba ndifuna nezinye iidolophu zibenekhwele,
zinyuse iikawusi kwaye zithathe inxaxheba kuKhuphiswano lohlaza. Oku ndikuthetha ngokuba xa bethatha inxaxheba
kokukhona iidolophu zethu ezininzi zicocwa ngakumbi,” utshilo.
Kusenjalo UMnu Mzayiya, uMphathi oMkhulu weeNkonzo zoLuntu kuMasipala wasePort St Johns, uchaze injongo yolu suku enxulumanisa nomxholo womsitho othi “Idolophu yethu, uxanduva lwethu” kwaye ugxininiswe ngokukodwa
umba wongcoliseko lwamanzi kunye nokulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni.
“Abahlali kufuneka bayiqonde into yokuba xa ulahla inkunkuma
kuyo yonke indawo awubeki emngciphekweni ubomi bakho kuphela, kodwa nobomi babantu abakungqongileyo. Imvula ingana, iphalaze inkunkuma emilanjeni naselwandle, iintlanzi ezikweso sithuba ziyakufa okanye zifumane izifo, abantu abalobayo baya kosuleleka kunye nezilwanyana ezixhomekeke kuloo manzi ukuba zisele nazo ziyakugula”, ucacise watsho.
Uthe Oku kugxininisa ukubaluleka kolondolozo lwendalo, okusingqongileyo kunye nemfuno yokujongana nemiba ethi igrogrise intlalontle yabahlali noluntu.
Ukanti Amasebe awohlukeneyo asePort St Johns kunye namasebe karhulumente adlulise umbulelo ongazenzisiyo kuNkosazana Rose ongunobangela wokuba iPort St Johns ibe kwimo ecocekiley kwaye uCllr S.E Sicoto uqukumbele ngokucenga uNks Rose ukuba aqeqeshe umntu zokungena ezihlangwini zakhe xa ethatha umhlala-phantsi ukuze idolophu ihlale isisixeko esikrelekrele.