Impelaveki esiphuma kuyo ize neziphumo ezincumisayo kumaqela akwiligi yeMotsepe Foundation nathe akwazi ukuzibekela indawo kumaqela azakudlala kwiPSL.
IMagesi FC yona sele iphakathi koxholovane bePSL emva kokungaxoxi nenye kwezixoxisayo, yaphumelela iligi yathi ngcu kwindawo yokuqala (1).
Umdlalo wayo wale mpela veki iMagesi ibambene ngamanqaku amabini (2-2) neVenda Football Academy kumabala iOld Peter Mokaba. Ngeziziphumo iDikwena iphumelele iligi ngamanqaku asibhozo (8) kanti yona iVenda ibaleke ukwehlele kwileague esezantsi.
IUniversity of Pretoria ibambene ngenqaku macala (1-1) neqela leBaroka. Lo mdlalo ubudlalelwa kumabala iABSA Tuks ePitoli. Ezi ziphumo zenze ukuba AmaTuks agqibe ekwindawo yesibini (2) kuluhlu lamaqela akuMotsepe Foundation eshiya ngamanqaku amabini (2) iBaroka abagqibe bona bekwindawo yesithathu (3).
Nangona iMaritzburg ikwazile ukubetha i-JDR Stars iyibethela kowayo ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) kumabala iGiant, kungoku nje iMaritzburg United igqibe ikwindawo yesine (4) ibethwa ngenqaku liqela elikwindawo yesithathu (3) iBaroka. ITeam of Choice ilingana ngamanqaku neqela elikwindawo yesihlanu (5) iHammerboys.
Ezinye iziphumo zeMotsepe ligi iUpington City neCasric zibambene ngeqanda macala (0-0) kumabala iMxolisi Dicky Jacobs. IMarumo Gallants ibethe iOrbit College ngenqaku elinye eqandeni (1-0) kumabala iLucas Moripe ePitoli.
IUpington igqibe kwindawo yesithandathu (6) ishiya iCasrc ngenqaku (1) nephele ikwindawo yesixhenxe (7). IBlack Leopards ibethe iNB La Masia ngamanqaku amabini eqandeni (2-0) kumabala iThohoyandou eVenda, ngokuphumelela iLidada Dhuva iyithathe lonto yokuyibeka kwindawo yeshumi (10) yatsho yabaleka izembe, yona iNB La Masia ngokufumana esisibhaxu, bafumene nezembe behlela kwiligi engasezantsi.
Iqela iHungry Lions libethe iPlatinum City Rovers ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) kumabala iIsak Lyle. IHungry Lions iphele ikwindawo yesibhozo (8) yona iCity Rovers sele yehliselwa.
IMiford yona ibethe iPretoria Callies ngamanqaku amabini kwelinye (2-1), emva kwalempumelelo iMilford isindile ezembeni.
By Siphiwo Boqwana.