Iphondo leMpuma Koloni libiyozele usuku lamanesi kwilizwe jikelele

Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth ngoLwesibini umhla wamashumi amabini ananye kuCanzibe ndawonye nemanyano yabongikazi eMzantsi Afrika iDENOSA, norhulumente wephondo leMpuma Koloni babambe usuku lokubungaza abongikazi kwilizwe liphela eyaziwa nge (International Nurse Day) kwiholo yoluntu iNcumisa Khondlo phantsi komasipala waseNgqushwa, kuledolophu.

smart

Iholo ibizele ime ngeembambo ngabongikazi abaphuma kwiphondo liphela. Abebezimase lomsitho kuquka kubo inNkokheli yezeMveli uNkosi Nosandi Mhlawuli, usekela nobhala wesebe lezempilo kuzwelonke uKhaya Sodidi, obebambele USodolophu waseNgqushwa uSiphokazi Mhlakani, uSomlomo womaspala waseNgqushwa uDanyiswa Ncanywa, amahlakani karhulumente ahluka-hlukeneyo kunye nooceba beewadi zaseNgqushwa.

Kwithetha yakhe umphathiswa uqaqambise umba wokuzinike kwabongikazi emisebenzini wabo nagona besebenza phantsi kokushokoxeka kwezixhobo.

Umphathiswa uMeth uthi nangona olusuku libhiyozelwa ngomhla weshumi elinesibini (12) kuCanzibe, kodwa badibanese iintloko neDENOSA ukuqulunqa ukuba olusuku iphondo malilibhiyozele emva kweeentsuku nje sele lidlulile ngenxa yokuthathela ingqalelo igalelo nefuthe eleziwa ngabongikazi kwisebe lezempilo. UMeth uthe abongikazi ziintsika kwisebe lakhe ngendlela abazinikele ngayo kumsebenzi wabo phantsi kweemeko ezimaxongo abasebenza phantsi kwazo.

“Ukusuka ezidolophini ezinkulu ukuya kwiindawo ezisemaphandleni, abongikazi baqinisekisa ukuba, izigulani zifumana ukhathalelo lwezempilo olululo. Kunyanzelekile ukuba sinike imbeko kubongikazi bethu yonke imihla, ngoba benza umsebenzi wabo zonke iintsuku ngokuzinikela” utshilo uMphathiswa.

UMphathiswa uMeth uphawule into yokuba, ngexesha apho wonke umntu wayehleli ekhaya ngexesha likabhubhane we Covid-19, abongikazi babekwidonga lokuqala ukulwa eligongqongqo. Esithi ke minintsi imiphefumlo eyasindayo ngenxa yeMisebenzi yabo.

“Ukuba ubani usakuthandabuza ukubaluleka kwabongikazi nokuba ngamaqhawe kungoku nje, ndithi angajongi kude kodwa kwintlekele ilizwe ebelijongene nayo kabhubhane we Covid-19 kweli, ukusukela kwiminyaka elikhulu eyadlulayo. Abongikazi basibonisile ukuba nomonde kwabo betshintsha nexesha kwaye oko bakwenze ngempumelelo. Kubalulekile ukuba siyincome lonto”utshilo uMeth kwintetha yakhe phakathi kwezinye zezinto

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA