Imvumi eyaphumelela iimbasa ezininzi kweli liMzantsi Afrika uZahara nogama lakhe lokwenyani nguBulelwa Mkutukana akasekho emhlabeni.
Oku kulandela ingxelo yejelo losasazo iSABC malunga nokubhubha kwalemvumi emva kokuba kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, ingeniswe ngokumaxhaphetshu esibhedlele kuba ehlutshwa yimpilo(isibindi). LokaZahara ubhubhele kwisibhedlele sabucala saseRhawutini apho ebefumana khona unyango.
Usapho lukaBulelwa kulindeleke ukuba lugalele eRhawutini bebonke nanjengoko kwehle esisehlo kwaye bakhuphe ingxelo ngokusesikweni. Sithetha nje uluntu loMzantsi Afrika lusothukile kwaye ngenene ezindaba azikakholeleki nanjengoko kuvakala ukuba uZahara ukushiye eli ngalenjikalanga yanamhlanje.
Lala ngoxolo sisi, ugqatso lwakho ulufezile. Iingoma zakho zakuhlala zisikhuthaza kwaye zizinkumbulo ezintle ngawe nendlela obachukumise ngayo abantu ngomculo wakho.

