Iswelekile imvumi eyaziwa nge ngoma uLoliwe Zahara

Iyathontelana imiyalezo novelwano kwimvumi edumileyo yaseMonti, uZahara, nosweleke eneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe.

UZahara, ogama lakhe lokwenyani nguBulelwa Mkutukana, ungeniswe esibhedlele kwinyanga ephelileyo ngenxa yeentlungu zomzimba.

Usapho lwakhe lukhuphe ingxelo kwinyanga ephelileyo lubulela uluntu ngokuphuma kothando nenkxaso ngelixa becela ukunikwa ithuba lokuhoyana noZahara ngokuyimfihlo.

Nangona unobangela wokubhubha kukaZahara ungaziwa, kodwa kungena imbeko ephuma kwilizwe ngokubanzi nkqu nakuMphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko uZizi Kodwa.

Icwecwe lokuqala likaZahara elithi Loliwe laphuma ngo-2011.

Icwecwe lakhe lokuqala lenze kakuhle kakhulu kumawonga oMculo woMzantsi Afrika (SAMA) ngo-2012 apho waphumelela i-Best Smooth Urban Music Album; INtsebenziswano eBalaseleyo; Icwecwe eliThengisa kakhulu; Umtu Omtsha emculweni kulooNyaka; Owasetyhini oyiGcisa loNyaka; Icwecwe loNyaka; Eyona iThengisiswe ngokuPheleleyo yokuKhutshelwa koNyaka kunye neyeyona remix yonyaka.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA