Umasipala ombaxa waseBuffalo City usungule IJoint Operations Centre (JOC) ngeenjongo zokukhawulelana nengxaki yomoya ovuthuzayo ongazange ubonwe kwesi sixeko. Othethela loMaspala uSamkelo Ngwenya uthi iJOC isungulwe kwiziko lolawulo lweentlekele kumlilo waseMonti. Uthi ngoku bakwintlanganiso kwaye baza kukhupha ingxelo ngexesha elifanelekileyo ukuphendula umonakalo, ukuphazamiseka kwenkonzo kunye nezilumkiso ezingaphezulu. Kusenjalo, iindawo ezinkulu zomasipala ombaxa wase Nelson Mandela Bay zivuke zingenambane ngentsasa yayizolo. Iomaspala uqinisekise ucimo kwi-Kragga Kamma Substation echaphazela i-Charlo, iFramesby, i-Sunridge Park, i-Mangold Park, i-Walmer Downs kunye neenxalenye ze-Walmer. Abahlali abaliqela, nangona kunjalo, banika ingxelo yokumka kombane kwiindawo ezingabonelelwanga sisitishi esingaphantsi.
Kusenjalo uMasipala waseNgqushwa naye uthwaxwa kanobomi kukucinywa kombane kulengingqi. Phantse zonke iilali ezingqongileyo kuquka nombindi waledolophu ufunyenwe sisithoko thoko sobumnyama ngenxa yoqhaqhawuko wombane noqhakamishelwano (network) olungekhoyo ukusukela izolo umhla wama 30 ku July 2023 de kube kalokunje umhla wama 31 July 2023. Okwakaloku nje akukacaci ukuba lengxuba kaxaka izosonjululwa nini.
Ukanti abanini bamashishini asakhasayo bathi lengxuba kaxaka izobhangisa amashishini abo ingakumbi kulixesha le mpela nyanga. Bekwavakalise nethemba lokuba inga uqhawuko lombane lunga lungiswa ngokukhawuleza