21.1 C
King William's Town
Saturday, October 12, 2024

Zimkile izindlu zabantu, iindlela zivalekile yimiphumela yemozulu ebhudla umoya onamandla nemvula.

Iintsapho ezininzi zishiyeke zingenamakhaya zijonge esibhakabhakeni eloxesha zihleli endlin, oku kuza emva komoya omkhulu oye wabhudla ngamandla ezinzulwini zobusuku bangomgqibelo umhla wamashumi amabini anethoba kweyeKhala.

Kubethe intsimbi yokuqala ngentseni yangecawa umhla wamashumi amathuthu kweyeKhala wabe sele ubhudla ngamandla egeza udlakazelisa izindlu ushiya iintsapho ezininzi zijonge enkalweni. Ngokwengxelo yabahlali bendawo ezohlukileyo ephondweni umonakalo umkhulu owenziwe sesisimo sezulu kwaye baxhalabile ngokuba kuchaphazeleke neepali zemibane.

Kukho nengxelo yokuba nezakhiwo zecawa zichaphazelekile nto leyo eyenze amakholwa athwale izandla entloko, avakala esithi uYesu makawuthomalalise lomoya njengokuba wenza njalo kuqhwithelo olwalubhabhazelisa inqanawe elwandle. Iindawo ezithe zachaphazeleka ngakumbi yiDimbaza Pollar Park, iBalasi neHannover eBhisho kunye neziphaluka zaseMonti.

Ingxelo:Siya Sitofile

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
21.1 ° C
21.1 °
21.1 °
70 %
1kmh
2 %
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
16 °
Tue
16 °
Wed
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks