16.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Akukabikho zibonelelo emva kweeveki ezintandathu emva kwezikhukhula zaseKariega.

Umbutho weDA ubhalele inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni ngelikhalazela ukubetha ngonyawo lonwabu kukarhulumente kwintlekele yezikhukhula zaseKariega.

Onokuba ngumphathiswa kwiSebe leNtsebenziswano kuGhulumento neMicimbi yezeMveli ephondweni xa kunolawula i-DA, uRetief Odendaal, ukhuphe ingxelo ediza ukuba phantse ziiveki ezintandathu emva kwezikhukula ezitshabalalise ummandla waseKariega (e-Uitenhage) ukusukela ngomhla wokuqala (1) kweyeSilimela, urhulumente akakanikezi naluphi na uncedo lwemali kumaxhoba ezikhukula.

Uthi nangona amanzi ezikhukula ehlile, ubomi buye baba ngumzabalazo wemihla ngemihla kubahlali abaninzi abachaphazelekayo. Uthi utyelelo kwindawo yentlekele ngoosopolitiki abaphezulu abafana noMongameli Cyril Ramaphosa kunye neNkulumbuso uOscar Mabuyane luphumeze kancinci kunezithembiso.

Inkomfa noonondaba ngoLwesine umhla weshumi elinanye (11) kweyeKhala kaSodolophu waseNelson Mandela Bay uGary van Niekerk, ishiye abahlali bedangele yimibuzo kuneempendulo.

Phakathi kwabo bachaphazeleke kakhulu ngabahlali bakumatyotyombe aseLapland, abathe bagxothwa kule mpelaveki siphuma kuyo kwindawo yethutyana ebebeyibonelelwe emva kwezikhukula. Ukwadize ukuba kwiimeko ezininzi, la maxhoba aphulukene nazo zonke izinto zawo kwaye anempahla yokunxiba kunye neengubo zokulala kuphela abathe babonelelwa ngazo.

Ukwavakalise ukuba aba bahlali ngoku kufuneka baphinde bakhe amakhaya abo angamatyotyombe, kodwa abanazo izinto zokwakha.

UOndendaal kwingxelo yakhe uthi izithembiso zikarhulumente zolwakhiwo lwezindlu zethutyana ibe zizithembiso ezingento.

“Ingaphezulu kwewaka (1000) imizi esesikweni ethe yafumana umonakalo kwizikhukula. Ukuza kuthi ga ngoku, uninzi lwaba bahlali bebengenayo i-inshorensi yabucala. Uninzi lwaba baninimzi baye bafumana umonakalo owandisiweyo kumakhaya abo kangangokuba abanakukwazi ukuhlala apho,” uqhube watsho uOdendaal.

Nangona uninzi lwala makhaya lufake amabango omonakalo kumasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay, amagosa kamasipala akanalo nofifi lokuba angawaqhuba njani la mabango kwaye akakaqalisi ukuwalungisa.

Ngokuka Odendaal, abahlali baya bexakwa ngumasipala ongade aphendule.

Esithi iNelson Mandela Bay enxungupheleyo khange iphendule ekulawuleni le ntlekele kwaye ithembele kakhulu kwicandelo labucala ngeminikelo yokunceda amaxhoba ezikhukhula, njengoko isebe layo lokubonelela ngeenkonzo lizifumana likwimeko yokukhubazeka kwaye lingenako ukuthenga ezona mpahla kunye neenkonzo ezisisiseko zolawulo lwentlekele.

I-DA ibhalele iNkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane imcela ukuba afake uxinzelelo olungakumbi kurhulumente kazwelonke ukuba agqibezele inkxaso-mali yokunceda kwintlekele kwindawo leyo. Esithi makafumane indlela (ngeSebe lokuHlaliswa koLuntu) yokubonelela ngezakhiwo zethutyana kumaxhoba ezikhukula eLapland.

Kwingxelo yeDA ithi ikwacela ingxelo yenkqubela phambili kumasipala malunga nenkqubela phambili yokubuyiselwa kwezakhiwo zoluntu, kwanokuqinisekisa ukuba ulwazi lwenziwa lufumaneke kumaxhoba ezikhukula malunga nohlobo nobungakanani boncedo lwemali aya kulufumana. Oku kuya kunceda ekulawuleni izinto ezinxunguphalisayo kunye nezinto ezilindelwe ngabahlali abasuka kwiindawo ezingamiselekanga nezisesikweni.

By Zimbini Mdolomba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
74 %
2.3kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
27 °
Sat
28 °
Sun
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks