IMpuma Koloni ikhuthaze ukuphonononga ezinye iindlela zoqoqosho.

IPSAM eRhodes imemelela urhulumente wephondo ukubaajonge ezinye indlelazokuvuselela uqoqosho lweli.

Umbutho iPublic Service Accountability Monitor (PSAM) ozinze kwiYunivesithi iRhodes eMakhanda umemelele urhulumente weMpuma Koloni ukuba ajonge ezinye iindlela zokuvuselela uqoqosho lweli phondo.

Iphondo kungoku nje likwimeko yokudodobala koqoqosho kwaye lishiye imisebenzi engaphezu kwamashumi asixhenxe namawaka asixhenxe (77 000) kwikota yokugqibela.

Ibhunga lephondo leMpuma Koloni loQoqosho kwezoQoqosho lidibanise ingxelo yezoqoqosho echaza ukudodobala koqoqosho lwamaphondo.
Ingxelo ithi uqoqosho luhlehle nge-0.3% kwikota yokuqala yalo nyaka.

Ngenyanga yeSilimela, iMercedes Benz SA ibhengeze iinjongo zayo zokudenda abasebenzi bayo abangamakhulu asixhenxe (700).

Umlawuli wePSAM, uJay Kruze ukhuthaze oomasipala norhulumente wephondo ukuba bathathe amanyathelo okuphucula amanye amacandelo afana nokhenketho.

“I-PSAM ikwakhuthaza urhulumente wephondo noomasipala ukuba bathathe amanyathelo okuphucula ukhenketho kweli phondo, nto leyo enokuba negalelo elikhulu ekukhuleni kweGDP.

Ukuphucula ukugcinwa kweendlela zesithili nezincinci kuya kunceda uluntu ngeendlela ezahlukeneyo kwaye kuphuculwe ukufikelela kwabakhenkethi kwiindawo ezikude kunye nokudala amathuba amakhulu omsebenzi kwiihotele.”

By Zimbini Mdolomba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA