Akukaziwa nokuba u-Itu uyahlala eNaturena okanye uyalishiya eliqela kusini na.

Sifikelele ekupheleni isivumelwano sengqesho phakathi kukaKhune neChiefs phezolo.

Umdlali waphesheya kolwandle uhloniphe umgcini zipali weKaizer Chiefs u-Itumeleng Khune emva kokuvakala kweengxelo zokuba iqela lakhe alikamniki ikontrakthi ukuba ayityikitye kananjalo kukho neengxelo zokuba angakhululwa yiKaizer Chiefs.

UKhune udlale kwimidlalo ebalulekileyo kakhulu ehlabathini kwiindebe ebekukho abadlali abaphambili nabahlonitshwayo, u-Itu udlalile kumagqibela kankqoyi weAfrica Cup of Nations, kwindebe yeConfedarations nakwindebe yehlabathi phantsi kombutho webhola ekhatywayo iFIFA.

Lonozinti ophumizandla ngokubamba ibhola ezipalini zaMakhosi nowayeskuba ngumgcini zipali weBafana Bafana othenjiweyo, udlalile nabadlali abafana noFernando Torres, uChristiano Ronaldo, uRobinho, uLouis Suarez noRobert Lewandowski.

Isivumelwano sakhe neChiefs uKhune sifikele esiphelweni ngomhla wamashumi amathathu (30) kule inyanga yeSilimela ngeCawa ezintsukwini ukutsho oko phezolo.

Kulindeleke ukuba kubekho imihlangano phakathi kwalomdlali neChiefs ukuxoxa ngekamva lakhe. UMarcos “Pepe” de Jesus waseBrazil nowayesa kuba ngumdlali wangaphambili ukhumbula ngethuba wathi wafaka amanqaku amabini (2) kwiqela leKaizer Chiefs kodwa ngethuba kubamba uRowan Fernandaz ngeloxesha, ngoko kwakungonyaka ka2006 ngenyanga yoMsintsi, kunyaka olandelayo uKhune waye waqalisa ukuba nguye obambayo kwiChiefs ngo2007, kunjalo nje udlalile noKhune.

UPepe uthi uyamhlonipha uKhune, ukhumbule ukuba uMarcos wafaka lamanqaku mabini (2) kwiChiefs ngethuba edlalela iBidvest Wits, uthi nangona ewushiye uMzantsi phambi kwendebe yehlabathi ka2010 kodwa umazi kakuhle uKhune nangexesha edlala kuBafana phantsi kwabaqeqeshi abafana noCarlos Alberto Parreira noJoel Santana. Uthe usamhloniphile uKhune yiyo lonto esamlandela nakumakhasi onxibelelwano.

Lomdlali wayeka engumdlali waphambili, uthi xa kuthethwa ngebhola ekhatywayo kuzakufika ixesha lokuba kufuneke uthathe isigqibo ngekamva lakho.

UPepe umncome emtyibela uKhune esithi ngumdlali odlala kakuhle nonamava kunjalo nje usakholelwa ukuba usenguye.

UMorco “Pepe” Jesus nowayesaku dlalela iBidvest Wits kungoku nje ungumphathi woonogada kwiolophu yaseSao Paulo eBrazil kowabo.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA