I-COSATU ithi ikhabhinethi inkulu kakhulu.

Umbutho weCongress of South African Trade Unions (COSATU) uvakalise inkxalabo ngobungakanani bekhabhinethi entsha ebhengezwe ngumongameli uCyril Ramaphosa.

Umfelandawonye wabasebenzi kunye nomahlakani weANC bathumele iminqweno emihle kumalungu asanda kuqeshwa kwikhabhinethi.

URamaphosa ubhengeze ikhabhinethi yakhe phezolo, kulandela uthethathethwano namaqela aphikisayo aliqela, ukuseka urhulumente womanyano lwesizwe (GNU).

IGNU yenziwe ngamaqela ezopolitiko alishumi elinanye angala ANC, DA, PA, IFP, GOOD, PAC, FFP, UDM, Al Jama-ah, Rise Mzansi kunye neUAT.

UMongameli uthi urhulumente ozayo uza kubeka phambili ukukhula okukhawulezayo, okuqukayo nokuzinzileyo nokudalwa koluntu olunobulungisa ngakumbi ukujongana nendlala nokungalingani.

Umququzeleli weCOSATU ePalamente uMatthew Parks uthi, “Sibanqwenelela okuhle kodwa, sinethemba lokuba baza kuphumelela, sifuna ukuba baphumelele. Ndicinga ukuba yeyona nto ibaluleke kakhulu leyo. Zikhona izinto ebesonwabe zizo, kwaye zikhona nezinye izinto ebesinothanda ukuba zihambe ngenye indlela, kuquka nokuba le khabhinethi inkulu kakhulu kwaye sinosekela baphathiswa [ababaninzi kakhulu].

Kodwa ndicinga ngathi, sinokuthandabuza kancinci, kwaye siyazakubenza sibaphendule. Siza kubanceda apho bafuna uncedo khona. Kodwa eneneni, uluntu luyamdinga urhulumente ukuba ahambe ngokukhawuleza ukujongana nemingeni emininzi.”

Kusenjalo, iSouth African Democratic Teachers Union (SADTU) ivakalise inkcaso yayo emandla kwiDemocratic Alliance (DA) ephethe iSebe lezeMfundo esiSiseko.

Ochongwe kwesi sikhundla ePalamente ngoweDA, uSiviwe Gwarube.

Isithethi seSADTU uNomusa Cembi uvakalise inkxalabo malunga nemigaqo-nkqubo yezemfundo yeDA nento abayibiza ngokuba sisenzo sombutho esichasene nabasebenzi.

“Ngokwembali zange khe savana neDA, kuba iDA, imigaqo-nkqubo yayo ibichasene nomanyano lwabasebenzi. Kudala, iDA ibingakholelwa ukuba imibutho yabasebenzi inelungelo lokubakho.

Basoloko besityhola ngokuchasa imfundo yeli lizwe, ukuba siphethe imfundo, silawula iSebe lezeMfundo nabaphathiswa nabo bonke.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA