19.2 C
King William's Town
Saturday, April 13, 2024

Akukho bus yakwaInterCape ezakothula abantu apha!

Akukho bus yakwaInterCape ezakothula abantu apha!

Lawo ngamazwi abaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke waseDutywa izolo, emva kokuba bebevale ngci uhola wendlela uN2.

Kuvakala ukuba iqela lonoteksi laseDutywa livakalise izikhalazo zalo kwinkampani yakwa InterCape kwimbalelwano ebibaxekela ukuba bayeke ukuthoba amaxabiso kuba amaxabiso athotyiweyo abulala amashishini abo. Bathi banengxaki yokuhla kakhulu kwamaxabiso ohambo lomgama omde.

Ixabiso lepetroli linyukile kwaye wonke umntu kwanyanzeleka ukuba anyuse imali yokuhamba umgama omde. Kutheni ke zona iinkampani zakwa I-Intercape kunye nezinye ezifana ne-APM, endaweni yokuba zinyuse imali ziyayehlisa??

Ukwehlisa kwabo imali yokukhwela ukutsala abathengi abaninzi kubo banqongophale konoteksi.

Umzekelo, ukuhamba ukusuka eDutywa ukuya eKapa kuya kuxabisa iR700 kwirenki yeeteksi,ze yona inkamani ka i-Intercape ibize malunga namakhulu amathathuR380 ukuya kuma-R450 phantse isiqingatha sexabiso elo.

Bathe ke bakungahoywa yilenkampani bayalelwa ukuba bangamisi eDutywa kwaye oku akuzange kuhoywe yilenkampani, endaweni yoko kwasetyenziswa amaPolisa ukubakhusela abaqhubi beIntercape.

Kule veki, bekukho amapolisa eTRT eDutywa eqinisekisa ukuba iIntercape ilayisha kwaye ithulula ngenkani ngaphandle kokuphazanyiswa ziiteksi. Izolo aMapolisa abenamandla ngakumbi nto leyo ebangele ukuba kuqhankqalazwe ngonoteksi.

UMphathiswa wezoThutho uWeziwe Gxothiwe Tikana uyeke wafika ngokukhawuleza izolo eyokuthetha thethana neqela lonoteksi ukuze kufunyanwe isisombululo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
43 %
3.7kmh
17 %
Sat
18 °
Sun
24 °
Mon
22 °
Tue
27 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks