16.8 C
King William's Town
Tuesday, December 3, 2024

Amadoda amathathu abanjwe nemipu emveni kokugqogqwa kwesithuthi sabo.

Amapolisa aseMthatha ebexhwarhe kwindawo ekuzakubalula ukugqogqa izithuthi ezaphula umthetho kusenziwa nogqogqo kwingingqi yaseBokisini ngethuba bebamba umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) waseMqhekezweni ngenxa yokuba nompu ongekho mthethweni.

Kwesinye isiganeko kuQumbu, amapolisa adibene nemoto ekrokrisayo. Kukho amadoda amahlanu awayekhwele kule moto. Amapolisa atsala isithuthi ngoko nangoko. Athe xa egqogqa isithuthi, amapolisa abhaqa iimbumbulu ezintlanu (5) 9mm, kwaye iinombolo zazo zicinyiwe.

Onke la madoda mathandathu aphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesinye (21) namashumi amathathu (30) ubudala aye abanjwa, kwaye ngalinye libekwe ityala lokufunyanwa nompu ongekho mthethweni. Bazakuvela kwinkundla kamantyi wakuQumbu kungekudala.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo uMajor General Norman Modishana uncome amalungu ngokuphaphile nokuzinikela ekulweni ulwaphulo-mthetho. Ukubonakala ngakumbi kuyafuneka ukuqinisekisa ukhuseleko, kwaye kufuneka sijonge abaphuli-mthetho,” utshilo uMaj Gen Modishana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.8 ° C
16.8 °
16.8 °
92 %
2.2kmh
100 %
Tue
17 °
Wed
25 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks