UMsitho woMdyarho wamaHashe iBerlin November ibuya pkweshumi elinanye kulonyaka, lo ngumsitho odumileyo waseNtabozuko (esakwaziwa ngokuba yiBerlin) kude kufuphi nedolophu yaseMonti. Lo msitho uququzelelwe yiLegends Gaming Promotions ukudibanisa umdyarho wamahashe esintu, ulonwabo oludlamkileyo, kunye nokuphakanyiswa koluntu kwimpelaveki engalibalekiyo.
Umsunguli womsitho uLuthando Bara ubalule udumo olukhulayo lwalo omsitho njengenkulumbuso yentlalo nenkcubeko eMpuma Kapa. Ngomxholo wayo othi “Purple Reign,” ephefumlelwe ngokubaluleka kwembali yasebukhosini kunye nembali yombala omfusa. Uthe lo msitho uthembisa indyebo, isimbo, kunye nokubandakanywa.
Embindini wayo, iBerlin November ihleli ibambelele kumdyarho wamahashe wesintu, kwaye kukho nebhaso elingaphezu kwe-R500,000. Kulo nyaka, amahashe abhalisiweyo ukuba athathe inxaxheba kulomdyarho akwikhulu elinamashumi amahlanu (150), kukho iindidi zomdyarho ezifana noMphalo, Umhambo, kunye noMkhwelo.
Umdyarho woSaziwayo okhethekileyo, ukubalul je oosaziwayo abambalwa, kuquka imvumi yomculo wevangeli ephumelele imbasa uBetusile Mcinga, uZiyanda Tshangana, umsasazi wesikhululo esikhulu esaphumelela imbasa eziliqela uMafa Bavuma, kunye noLindokuhle Mntangayi odume ngokuba yimvumi naye bethabatha inxaxheba kunye namahashe abhalisiweyo, iijokhi, kunye nabanini.
UMphathiswa weMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko uSibulele Ngongo uthe,“Ukukhula kweBerlin November…kwenze ukuba uluntu olwaluhlelelekile ngaphambili lukwazi ukuthatha inxaxheba kolu shishino lukhethekileyo kwaye babonakalise nobuchule babantu bakwaXhosa kuMzantsi Afrika jikelele.
Ukukhawulelana nokuxinana kweemoto kwimisitho edlulileyo, abaququzeleli balo nyaka babambisene neMayibuye Transport Corporation kunye nePRASA ukubonelela ngezisombululo zezothutho. IiBhasi ezisuka eDimbaza naseQonce ziza kunceda abantu abanamatikiti, ngelixa uloliwe ezakubonelela ngeendlela ezintsha zokuhamba kubaxhasi baseMonti naseMdantsane. UMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha ulincomile eli phulo, egxininisa igalelo lalo kukhuseleko ezindleleni kwanokuncedisana noluntu.
INkampani kaloliwe i-PRASA ibhengeze amaxesha ekuzakuthi kuthuthwe uluntu ngawo, qwalasela ngezantsi.
ULoliwe eMonti uzakuphuma ngalamaxesha:
eMonti – 10:00 am
eVincent – 10:28 am
eMdantsane – 10:53 am
eFort Jackson – 11:00 am
Kuyabongozwa ukuba uluntu luwathathee ingqalelo la maxesha okuhamba.
ISebe loPhuhliso loLuntu libonelele ngeqonga lokukhuthaza indawo ekhuselekileyo yolonwabo engabandakanyi tywala nenika inkxaso ngexesha lemibhiyozo. Lo mmandla uza kubonelela ngeenkonzo zoluntu, kuquka inkxaso yakwa-SASSA, uncedo lokuthotyelwa kweNPO, namaphulo ajongene nokusetyenziswa kweziyobisi nobundlobongela obusekelwe kwisini.
UMlawuli oyiNtloko wezoNxibelelwano uvakalise ukuba iBerlin November… ivumela isebe ukuba lakhe uluntu olungcono ngokufikelela eluntwini.”
Ngaphaya komdyarho, iBerlin ngoNovember idibanisa ifashoni, ukutya okumnandi, umculo ophilayo, kunye nemiboniso yenkcubeko, itsala ababukeli abangaphezu kwe-30,000 ngonyaka.
Kulo nyaka iBerlin November ijolise ekuhambiseni okungaphezulu kunokonwabisa nje. Ime njengobungqina bamandla entsebenziswano ekukhuthazeni ilifa lenkcubeko, ukukhula koqoqosho, kunye nophuhliso loluntu eMpuma Kapa.