Amadoda amathathu aselugcinweni lwamaPolisa malunga nokufunyanwa nemipu engekho-thethweni

Iinzame zamapolisa eMpuma Kapa zokulwa ukusuka kwemipu engekho mthethweni ezandleni zoluntu, amapolisa esithili saseOR Tambo abambe amadoda amathathu abarhanelwa kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo eBityi ngoMgqibelo umhla wesibini (02) kwyeNkanga 2024, kunye nemali eninzi.

Kwisiganeko sokuqala, amadoda amabini, aneminyaka ephakathi kumashumi amathathu ananye (31) ukuyo kutsho kumashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala, aye amiswa ngexesha lokumiswa nokukhangela kwizithuthi ebusuku kwindawo yaseNkrancolo ngoMgqibelo wesibini (02) kweye Nkanga 2024 malunga no 23:30 ixesha. Amalungu aphantsi kwamapolisa aseMthatha aqhuba olu phulo amise iveni yohlobo lwe-Ford Ranger ebikhwele abantu ababini.

Ngethuba begqogqa isithuthi, amapolisa abhaqe imipu emithathu engenazimpepha-mvume, equka iR5, i-9mm pistol, iGas pistol, zineenombolo ezicinyiweyo, kwakunye nembumbulu nesixa semali esingachazwanga.

Kwiphulo elisecaleni, amapolisa afumene ingcaciso ze abamba indoda eneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala yaseNkrancolo kwangaloMgqibelo mnye ngentsimbi yeshumi elinanye (11:00). Wafunyanwa ephethe umpu we-9mm ongenalayisenisi uneenombolo ezicinyiweyo, kunye neembumbulu.

Aba bathathu bavele kwiNkundla yeNgingqi yaseBityi ngoMvulo umhla wesine (04) kweyeNkanga 2024, kwaye bagcinwa eluvalelweni ukuze baphinde bavele ngomhla weshumi elinanye (11) kweyeNkanga 2024 ukuze bafake isicelo sebheyile ngokusesikweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA