USihlalo weKomishini yolonyulo (IEC) uMosotho Moepya uthi inkcaso ephakanyiswe kwizikhululo zolonyulo ngomhla wolonyulo ijongiwe ngamagosa achopheleyo.
Ngethuba isithi gqabagqaba oonondaba ngoLwesine umhla wamashumi amathathu kuCanzibe, i-IEC ithi kungoku nje ijongana nenkcaso engakhange isonjululwe ngamagosa achopheleyo kwaye isiwe kwiKomishoni.
I-IEC ithi ayizukwazi ukukhusela izigxeko ezinikwa yona, kusuku emva kokuba abemi boMzantsi Afrika bevotile ngomhla wamashumi amabini anesithoba kuCanzibe.
“Asifanelanga ukuba sizikhusele. Sizakumamela kwaye sijonge izinto eziphakanyiswayo kwaye sijongane nazo ngokomdla womsebenzi esiwenzayo,” utshilo uMoepya.
Ngokungaphezulu nje kwe21% yeevoti zikazwelonke esezibaliwe, iANC inkqenkqeza phambili kuzwelonke ngo-43.48%, iDA ikwindawo yesibini ngo-24.72%, ilandelwa yi-EFF ngeevoti ezingaphantsi nje ku-9%.
Umbutho okhokhelwa ngiwayesakuba ngumongameli uJacob Zuma iMK, ikwindawo yesine ngokusondelayo – ubanga ngaphezulu nje kwe-8% yeevoti kuzwelonke.
Ifoto: SABC