16.5 C
King William's Town
Tuesday, October 8, 2024

I-IEC iyoneliseka yindlela inkqubo yokubalwa kweevoti

IKomishini yoNyulo (i-IEC) eMpuma Koloni ithi inkqubo yayo yokufunyanwa kweziphumo iqhubela phambili ngaphandle kwemicimbi nje engephi yomhla wokuvota.

Ngaphezulu kwezikhululo zokuvota ezingamashumi amathathu (30) kwiphondo ezivulekileyo emva kwexesha ngenxa yoqhanqalazo olunxulumene nokunikezelwa kwenkonzo, kodwa zonke besezisebenza ngezithuba zentsimbi yesibini mala.

Igosa lonyulo lephondo uKhayakazi Magadumana uthi basuke kwisikhululo seCawa iBaptist eBizana baya kwimimandla yaseGqeberha ngenxa yeemeko eziquka udubulwano oboluqhubeka kulamandla.

UMagudumane uthe kwiSABC, babenezikhululo ezithathu eNelson Mandela apho kufuneka batshintshe indawo yokubala ukuze babe kwiholo eyahlukileyo ngenxa yemicimbi yezokhuseleko. Uthe kubekho izinye iziganeko zokudubula ezenzeka xa kuqalisa ukuba mnyama, ethi imeko ibibonakala ngathi iya iba maxongo. Uthi ke bagqibe kanye kobobuthuba kwelokuba kungcono bakufudukela kwezinye iindawo ngeenjongo zokubala.

Nangona kunjalo isibhengezo seziphumo zonyulo zibonakalise ukuncipha kakhulu kwiphondo leMpuma Koloni.

I-ANC saqeqeza phambili nagona ingaphants komyinge wamashumi amahlanu ekhulwini (50%) ngeevoti eziyi-13,383, ize ilandelwe yi-DA ngamawaka asixhenxe anekhulu elinethoba (7,109) evoti. Kwindawo yesithathu yi-EFF ngeevoti eziliwaka namakhulu alithoba anamashumi amane anesixhenxe (1,947) seevoti.

I-IEC ithi iqaphele ukuba uninzi lwezikhululo zevoti zivaliwe emva kwexesha kubusuku bayizolo ngenxa yemigca emide yabavoti.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.5 ° C
16.5 °
16.5 °
82 %
4.6kmh
87 %
Tue
16 °
Wed
32 °
Thu
37 °
Fri
26 °
Sat
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks