IMvumi yomculo weHip-Hop uMalome Vector ugaxeleke engozini yemoto ngenjikalanga yayizolo, 24 eyeKhala 2024, kwaye wabhubhela kwindawo yexhwayelo. Ebekunye kunye neqela lakhe labantu ababini ekutyholwa ukuba omnye kubo ubhubhile kwaye owasetyhini wabalekiselwa kwisibhedlele iBoitumelo, eKroonstad.
Ileyibhile yakhe yangaphambili iye yaqinisekisa ukubhubha kwakhe izolo ebusuku.
Le ngozi yenzeke kuhola wendlela uN-2 eKronstad, kwiphondo laseFreyStata. Ezi mvumi bezisingise ngaseLesotho.
Indaba zokubhubha kwakhe zityhutyhe kumakhasi onxibelelwano ngokuhlwa emveni kweengxelo zephepha-ndaba iLesotho Times ziye zapapashwa.
UBokang “Malome Vector” Moleli oyinzalelwano yaseLesotho, ngonyaka ka-2019 wakhupha icwecwe lakhe lokuqala elithi, Karabo, ephantsi kweNkampany i-Ambitious Entertaunment. Eli cwecwe walikhupha ukufika kwakhe eRhawutini esuka eMountain Kingdom,
Ngokwengxelo eyayipapashwe yi-Drum Magazine, le mvumi yathi yayiliphupha layo ukuyakufikelela eGoli ukuyofezekisa iphupha lakhe lo mculo.
“Kudala ndifuna ukuya eJoburg, kodwa bendingafuni ukwenza oko ngaphandle kwesicwangciso. Ngo-2019 ndiye ndafowunela u-Ambitious kwaye ubomi bam batshintsha. Ukufudukela apha bekuyeyona nto ingcono kakhulu kuba ngoku ndiyakwazi ukusebenza kumculo wam kunangaphambili.
“Xa ndithetha inyani, iJoburg asiyonto ebendiyilindele,” watsho.
“Oyena mntu owabanegalelo wokuba ndingene emculweni yayi ngu-HHP. Bendiwuthanda umculo ukusukela ebuntwaneni kodwa ukumamela owakhe kwandikhuthaza kakhulu,” wongeza watsho.
Ukukhula kwakhe uthi, usapho lwakhe lwalungenamali kodwa kwakusoloko kukho uthando olungasikelwanga mda.
Ezona ngoma zakhe ezazi nezisadumileyo ngoku ziquka uDumelang, Follow, Karabo, Senatla ukubalula nje ezimbalwa.
Kwaye kulonyaka ebesandokukhupha linye icwecwe elitsha elithi X2, kwaye liyafumaneka kuwo onke amaqonga edijithali.

