Kungentsuku zatywala iWydad izakubhengeza uBen-10 njengomdlali wayo.

UMokwena noZungu bazakuphinda basebenze kunye emva kokushiya aMasandawana.

Owayesakuba ngumdlali weMasandawana uBongani Zungu uzimanye neqela i-Wydad Cassablanca eyokuqeqeshwa kwakhona ngumqeqeshi omtsha weliqela nowayengumqeqeshi wakhe kwiManelodi Sundowns uRulani Mokwena.

Lo mdlali nowaziwa ngokuba ngu-Ben 10 uneminyaka engamashumi amathathu nanye (31) ubudala, wayesakuba ngumdlali weqela laseScotland iRangers. UBongani ulishiye iqela leSundowns ekuqaleni kwinyanga yeSilimela kulonyaka emva kokuchitha iisizini ezimbini (2) kulo.

Iingxelo zithi uZungu uligqibile uvavanyo kwezempilo neliqela liqeqeshwa nguRulani Mokwena, ngoku kulindeleke ukuba abhengezwe njengomdlali walo nabanye abadlali abahlanu(5).

UZungu ulishiye iqela leSundowns ngo-2016 esiya eYurophu nalapho echithe iminyaka emithandathu (6) khona phambi kokuba abuye. Lo mdlali ebenobuhlobo olubuqilima kakade noRhulani sebephinda bedibana kwakhona nje.

Iingxelo bezithe ndii zokuba uZungu uzakuzibandakanya neChiefs kanti khange kubekho kwalonto. Ezinye iingxelo ezivakalayo zezokuba abanye abadlali bazakumlandela uMokwena.

Kungenzeka uKhuliso Modau noTeboho Mokoena balishiye iqela leSundowns emva kokunika umdla kwamanye amaqela.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA