AmaJita azakuzilolongela iNdebe yase-Afrika yebhola ekhatywayo yabangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini ubudala.

By Siphiwo Boqwana

Umqeqeshi weQela leSizwe loMzantsi Afrika labangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini uRaymond Mdaka uthi uliqule waligangatha kwaye unqwenela nje ukuba akhululelwe abadlali.

Athelekisiwe amaqela ebhola ekhatywayo kwiNdebe yase-Afrika yabo bangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini (U/20) ubudala izolo kumsitho obubanjelwe e-Cairo kwelase-Egypt, ngoLwesine umhla weshumi elinesithathu (13) kwa kulena inyanga sikuyo nekulungiselelwa imidlalo yabo yakulonyaka, le tumente yebhola ekhatywayo iyaqala ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kwinyanga kaTshazimpunzi ukuya kumhla weshumi elinesibhozo (18) kwinyanga kaCanzibe kwilizwe lase-Ivory Coast.

Iqela lebhola ekhatywayo loMzantsi Afrika, AmaJita lifakwe kwelona qela lakhe lanzima ngeyona ndlela ingathethekiyo. AmaJita adityaniswe ne-Nigeria, i-Morrocco ne-Egypt kuluhle B. Eli qela loMzantsi Afrika lafumana ukungena kolukhuphiswano emva kokubetha iqela lesizwe labangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini (U/20) ubudala laseZambia ngamanqaku amabini kwiqanda (2-0) kumagqibela kankqoyi wendebe ye-COSAFA.

Kuluhlu A yiTanzania, yi-Ivory Coast, yi-DR Congo neGhana. Kuluhlu C yiZambia, yiKenya, yi-Serra Leon neSenegal.

Iqela elizakumela i-UNIFFEC Zonal lizakubhengezwa kungentsuku zatywala emva kokunqunyanyiswa kwe-DR Congo ngumbutho webhola ekhatywayo kwihlabathi iFIFA.

Amaqela ebhola ekhatywayo amane aphambili kuletumente azakuthi afumane inyweba yokubeka i-Afrika kwindebe yehlabathi ekupheleni konyaka kwilizwe lase-Chile.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
70 %
4.1kmh
96 %
Sun
19 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA