Lihlehlisiwe ityala lokubulawa kwenginginya yabantu baseLusikisiki.

Ityala ngakumadoda asibhozo atyholwa ngokubulala inginginya yabantu eLusikisiki libekelwe umhla weshumi (10) kweyeNkwindla 2025. Eli tyala ekuqaleni lalibekelwe usuku lwanamhlanje kwiNkundla yeNgingqi kaMantyi, eLusikisiki. Nangona kunjalo, ukongezwa komtyholwa wesibhozo, uSongezo Vuma oneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala, kunyanzele kwezniwe olunye uphando malunga nelityala.

UMongameli weJaji eMpuma Kapa utyumbe ijaji ezakuthi ijongane ngqo nelityala, into ethetha ukuba lizakukhawuleza ukusonjululwa. Eli tyala lizakugqithiselwa kwiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha, ezakuchotshelwa eLusikisiki.

UVuma uvele enkundleni okokuqala ngomhla wesixhenxe (07) kweyoMqungu 2025 emveni kokubanjwa esendleleni ebheka eKapa ngomhla wesihlanu(05) kweyoMqungu 2025. UVuma waye walilahla ithuba lakhe lokucela ibheyile ngokusesikweni, ityala laze ladluliselwa kwinkundla yengingqi yaseLusikisiki apho azakuthi ahlangane abanye abatyholwa abasixhenxe namhlanje umhla weshumi elinesexhenxe kulenyanga.

Amagama abatyholwa nanga: Siphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe Ndende (25), Lwando Antony Abi (33) kunye noBonga Hintsa (31), uZenande Paya (38) kunye noMawethu Nomdlembu (36), abathe bonke bazilahla izicelo zabo zebheyile.

Bonke bajongene namatyala okubulala kunye nokuba nemipu engekhomthethweni.

UPaya noNomdlwembu babnjwa eFlagstaff ngomhla weshumi elinesixhenxe kweyeDwarha 2024 benemipu emine neembumbulu ekutyholwa ukuba zathuthelwa kwezinye iindawo emveni kwesiganeko sokubulala ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMsintsi 2024 kwilali yaseNgobozana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
89 %
2.2kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA