Nangona iqela laMakhosi iKaizer Chiefs lizakube lingabasindleki ngethuba liqubisana neSupersport United neyaziwa njesiteketiso esithi Amatsantsantsa aPitoli kulempela veki kodwa kunzima kakhulu kubo umthwalo wabo uyasinda bafuna ukuphathiswa.
Amakhosi aqubisana namatsantsantsa aPitoli ngomgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe(27) kule imiyo inyanga, umdlalo uyaqala ngecala emva kwentsimbi yesihlanu(17h30) malanga ukutsho oko namhlanje. IChiefs iza kulomdlalo izingxwelerha emva kokufakelwa uhlazo ngenqaku elinye eqandeni(1-0) bebethwa liqela lasemnambithi iRichards Bay. Nayo iSupersport iza kulomdlalo izingxwelerha emva kokubethelwa kowayo yiChippa United ngamanqaku amabini kwinqanda(2-0).
Kwimidlalo eyidlalileyo iSupersport United emithandathu(6) edlulileyo ibethwe kwimidlalo emithathu(3) yadlala ntanganye kwimidlalo emibini(2) yaphumelela umdlalo omnye(1). Ukanti yona iKaizer Chiefs kwimidlalo emithandathu(6) eyidlalileyo edlulileyo ibethwe kwimidlalo emine(4) yadlala ntanganye kumdlalo omnye(1) khange iphumelele.
Umdlalo olandelayo weSupersport emva kwalomdlalo izakundwendwela iRoyal AM ngomhla wokuqala(1st) kwinyanga ezayo ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe(19h30) ngolwesithathu ezintsukwini. Lona iKhosi lizakube liqubisene neMamelodi Sundowns ngomhla wesibini(2nd) kulenyanga izayo ngolwesine ezintsukwini ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe(19h30) nalapho bazakuba ngabahlinzeki eSoccer City.
Kulindeleke ukuba ukutake iintlantsi kulomdlalo nanjengoko kubanjalo xa bedibeni ubuhlobo noba bungakhona kodwa xa kudlalwa ebaleni kubamdaka iisali kulibaleka naloo nto yobuhlobo. Kananjalo nomqeqeshi weSupersort United uGavin Hunt wayesakuba ngumqeqeshi weChiefs zange ehlale xesha lide loo nto ithetha ukuba usafuna ukuzibonakalisa ukuba ungumqeqeshi onokwazi ukujika amatye abezizonke. Lo mdlalo uzakube udlalelwa kumabala iNew Peter Mokaba ePolokwana.
Simpiwe Boqwana

