Urhulumente wephondo wamkele abatyali zimali abatsha eMonti

Urhulumente waseMpuma Koloni wamkele utyalo-mali kuMmandla woQoqosho oKhethekileyo waseMonti oluxabisa i-R1.3 yeebhiliyoni zeerandi.

INkulumbuso, u-Oscar Mabuyane, yamkele abatyali-zimali abatsha, iThezi Langa, iBushveld Energy kunye neRAM Hand-To-Hand Couriers kwiSEZ, apho ezi zibhengezo zenziwe ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesihlanu kuTshazimpuzi.

Uthe oku kuphawula umzuzu obalulekileyo kuhambo lwephondo olusingise kwimpumelelo yezoqoqosho kunye nozinzo.

UMabuyane ubalule ukuba ezi nkampani zintathu kulindeleke ukuba zidale ikhulu lemisebenzi ethe ngqo nengathanga ngqo kweli phondo.

“Olu tyalo-mali lufike ngexesha elinzima nanjengoko urhulumente esaqhuba ngeenzame zokulwa imingeni efana nocimi-danya wombane, nto leyo ethe yaluchaphazela kakubi uqoqosho ingakumbi kushishino lwemveliso,” utshilo uMabuyane.

Ngokwengxelo yaseBhisho, iBushveld Energy Company, ibambisene neShishini loPhuhliso lwezoShishino, iza kutyala imali ezizigidi ezingamakhulu amane ukuze kusungulwe umthamo walapha ekhaya wokuvelisa i-vanadium-based electrolytes.

“Eli nyathelo lijolise ekukhuliseni ukhuphiswano lwephondo ekwenzeni izinto ezintsha kunye nokubonelela nge-vanadium-based electrolyte kwimarike yehlabathi yeVanadium Redox Flow Battery (VRFB).

“Utyalo-mali lweThezi Langa (Pty) Ltd yiprojekthi yezigidi ezingamakhulu alithoba namashumi amabini ejolise ekuphuhliseni umzi-mveliso wesola we-photovoltaic ongu-50MW kwi-ELIDZ eNtabozuko Precinct.

“Injongo kukwandisa amandla okuvelisa amandla azimeleyo eMpuma Koloni kunye nokubonelela ngamandla ahlaziyekayo kumacandelo ngamacandelo,” itshilo ingxelo karhulumente wephondo.

Ngaphezu koko, i-RAM Hand-to-Hand Couriers ityala imali efikelela kwishumi elinesibhozo lezigidi ukuseka umbindi we-ELIDZ, inegalelo kwicandelo lolungiselelo.

“Eli nyathelo kulindeleke ukuba lidale imisebenzi ethe ngqo e-ELIDZ Hub kwaye liza kwenza ukuba i-RAM ikwazi ukujongana nokuthunyelwa kwempahla kumazwe ngamazwe, kube lula ukuqokelelwa nokuhanjiswa kweenkonzo eMonti nangaphaya kwayo.

“Oku kugaleleka kotyalo-mali kubonisa umhlaba ochumileyo woshishino eMpuma Koloni.

Uphuhliso lwakutsha nje olufana nekhulu lezigidi zeerandi zotyalo-mali lokuvelisa iSUV entsha ngabakwaVW Africa Group eKariega kuqinise iphondo njengendawo yotyalo-mali,” itshilo iNkulumbuso uMabuyane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA