Amagosa amane amapolisa aphantsi kwamapolisa aseNxuba (eyayifudula eyiCradock) aseluvalelweni, ajongene nezityholo zokubulala nokuxhwila.
Isithethi secandelo elijongene nophando lwamapolisa (IPID) uPhaladi Shuping uthi la mapolisa kutyholwa ukuba azingela indoda ekukholelwa ukuba iphanga enye yawo.
Uthi kutyholwa ukuba umfi wathathwa wasiwa kumaziko ePOPS apho waye wabethwa.
UShuping uthi kutyholwa ukuba balishiya lingekho zingqondweni ixhoba.
Uthi ngomhla wesibhozo kwinyanga yoMqungu, la mapolisa kwishifti elandelayo abhaqa umzimba wale ndoda kwaye achaza ngetyala ‘lokufa eseluvalelweni’.
I-IPID ithathele ingqalelo uphando olukhokelele ekubanjweni kwala magosa amane ngomhla weshumi elinanye kwinyanga yoMqungu.
La madoda ajongene nezityholo zokubulala, ukuxhwila kunye nokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba.
Kulindeleke ukuba bafake isicelo sebheyile ngokusesikweni xa bevela kwinkundla kamantyi yaseCradock ngoLwesihlanu.
I-IPID ayilikhuphanga igama lexhoba kwaye imibuzo ngeenkcukacha ezithe vetshe malunga nokuphangwa kwePOPS isazakubhengezwa.

