Usihlalo we-EFF kwingingqi yaseGqeberha uKhanya Ngqisha kunye noceba we-GOOD uLawrence Troon banokudibana kungekudala enkundleni malunga ne-R800 000 yokunyelisa.
UNgqisha uye wafuna ingcebiso yezomthetho ngakuTroon kulandela izityholo “zokuhlambalaza” azenzileyo kudliwanondlebe lukamabonakude.
Kwingxelo ekhutshwe yi-EFF, lo mbutho uthi uTroon ubanga ukuba uNgqisha ufune isinyobo se-R1 million ukuze kupasiswe into ethile kwibhunga.
“Ungene kwiqonga loluntu esithi ndifumene isinyobo sesigidi seerandi, uphinde wangena nakwikhasi lonxibelelwano Facebook wafaka abantu abamalunga namashumi alithoba anesibhozo (98) esithi yinyani.
“Ukususa igama lam kwezi zityholo zobuxoki, ndimsa enkundleni, ndifuna i-R800 000 kunye noxoliso esidlangalaleni ngendlela athethe ngayo ezi zityholo zitshabhisayo.
“Ndiza kuba ngumntu wokuqala ukumfundisa isifundo.
“Awukwazi ukuthetha ngokukhululekileyo ngabantu kwaye ungcolise ubuntu babo xa abantu besakha ubuntu babo ngokunyaniseka.”

