ISebe leMfundo esiSiseko lithi iinkcukacha-manani zokukhulelwa kolutsha ziqaqambisa ubungakanani bezenzo zolwaphulo-mthetho ezenzeke kuluntu.
Iinkcukacha-manani zidiza ukuba ngaphezu kwe-150 000 yamantombazana aphakathi kweminyaka eli-10 ukuya kwi-19 ebekhulelwe kunyaka-mali ka-2022/2023.
UMphathiswa weMfundo esiSiseko uAngie Motshekga kule veki uthe thaca umgaqo-nkqubo wothintelo nolawulo lokukhulelwa kwabafundi ezikolweni phambi kweKomiti yePalamente yeSebe leMfundo esiSiseko.
Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuba phakathi kwezinye izinto kuthintelwe ukugxothwa kwabafundi abakhulelweyo ezikolweni nokubanika inkxaso yaphambi nasemva kokubeleka.
USekela Mlawuli wesebe kuthintelo nolawulo lokukhulelwa kwabafundi, uBusisa Nokama uthi lo mgaqo-nkqubo ugunyazisa izikolo ukuba zixele ukukhulelwa kolutsha.
“Kubalulekile ukujonga ukuba ngubani kanye kanye omithisa aba bantwana kwaye lo nto inokwenziwa isebe lentlalontle okanye oonontlalontle. Ngoko ke thina silisebe sithi kwizikolo zethu xa umfundi ekhulelwe nokuba ungakanani na ubudala, gcwalisa uform 22, ze lo mfundi adluliselwe kwisebe lophuhliso lwentlalontle okanye kunontlalontle ochongiweyo ukuba avavanywe imeko yentlalontle nengqondo, ajongane noko kukhulelwa kwakhe ukuze kuphononongwa amathuba okuhlaselwa ngokwesondo okanye udlwengulo olusemthethweni.”