11.2 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

AMANXADANXADA AMAQELA EBHOLA EKHATYWAYO KWIDSTV PREMIERSHIP

Athande ukuxakeka amaqela ebhola ekhatywayo phantsi kombutho wePSL emzantsi Afrika elungiselela ukuvula kweseason nezakuvula ekuqaleni kwinyanga ezayo, ukubonakalisa ukuba amaxhaphetshu amanye atshintsha abaqeqeshi kugxothwa abadlali abanye kubolekiswa ngabo kukho nabathengwayo bambi besuka kwamanye amaqela kwalapha kwiPSL nakumaqela asezantsi kubekho nalawo athengwa phesheya kwezilwandle. Apha eMzantsi kubonakala kuzakuqhawuka unobathana kwileague yePSL kwiDSTV Premiership kuba sele kumbovu ukuba isuke ihlale ibhola ibizwe khona emnatheni kuhlambe inttliziyo kalova.

Masiqale sijonge abaqeqeshi siqale kwiqela laseMpuma Kapa iiChili boyz iChipa United kaMpengesi nezinze eGqeberha xa kungoku nje. UChipa Mpengesi ubuyisele umqeqeshi owayemgxothile ibe ingentshanga lonto kuba yinto ahlala eyenza kakade ukhumbule ukuba wathatha umntu ongenamava kwezoqeqesho nosebenza kwiiOfisi zeliqela. UMorgan Mamilla wazama eqhuba kakuhle kodwa izinto azamhambela kakuhle ethubeni wamgxotha uMpengesi wathathwa yiSwallows le yambethayo wagxothwa indawo yakhe yathatyathwa nguSiyabulela Gwambi nalapho kwabamdaka iisali latywatyushwa iqela kanobom kwaphinda kwabizwa uLehlohonolo Seema owayesakudlalela amabhakabhaka naye ngulo wanikwa uphuma aphele kodwa wabuya walisusa iqela engozini yokohliselwa kodwa naye waboniswa umnyango nangona kunjalo. Sithetha nje juMorgan ubuyile kwakhona kwiChipa United. Amazulu nawo anomqeqeshi omtsha uPablo Franco Martin Iqela lasegoli iKaizer Chiefs yona yathatha uMolifi Ntseki ukuba akhokhele ancediswe ngulowo ebesakuba ngumqeqeshi uArthur Zwane nowayesakuba ngumdlali otshisayo weliqela noDillion Shepard owayetsha zintambo ngexesha lakhe njengomdlali. UJohn Moduka nowayesakudlalela iUmtata Bush Bucks nongowaseMalawi usahleli njengomqeqeshi weRoyal AM,

Kwimidlalo yobuhlobo ukulungiselela imidlalo yeDSTV Premiership iSundowns iseNetherlands idlale namaqela awohlukeneyo apho kunjalo nje iqhuba kakuhle, iPirates yona ibindwendwele eSpain nayo yaqhuba kakuhle kodwa yona iChiefs ayikaphumeleli mdlalo kwimidlalo emibini esele iyidlalile nalapho ibethwe ngenqaku elinye eqandeni kuyo yomibini lo midlalo. IPirates yona yabetha iMaccabi tel Aviv ngenqaku elinye eqandeni, yadlala ntanganye neqanda macala neqela elitsha kwiSpanish la liga iLas Palmas yabetha phambi kwayo iIndependiente de vale uaseAcuador ngamanqaku amathathu kwelinye yonke lo midlalo idlalelwa eSpain kwindawo ekuthiwa yiMalaga. ISundowns yona isanda kubetha INAC Brada ngamanqaku amabini kwelinye eNetherlands. Namaqela akwaZulu Natal ebedlala kwindebe ebizwa ngokuba yiLegacy cup nalapho iRoyal AM ithe yaphumelela kumagqibela kankqoyi ngenqaku elinye eqandeni ibetha Amazulu, ifike kulomdlalo iRoyal AM ngokubetha iRichards Bay ngamanqaku amabini eqandeni nalapho uNkanyiso Zungu enikwe ithuba lokuba azibonakalise emva kokushiya iPirates,

kwelinye icala kubonakala uRowan Human ezikhethele Amazulu kuneChiefs, Pirates neSundowns. UWade Jooste ngomnye wabadlali abatsha kuMazulu esuka kwiMaritzburg United. Amazulu ayamthengisa uGabadinho Mhango abe efunwa iChiefs, uDumisani Zuma owayesakudlalela iChiefs ukhululwe ngamazulu wacholwa yiSwallows kaSteve Kompela. UAugusten Kwem, uVictor Letsoalo, uBongi Ntulu noSede Dion ngabadlali onokubabona benxibe eziluhlaza yaka kuMazulu kuleseason izakuvulwa. IPirates yona ibolekise ngoGoodman Mosala kwiChipa United, kanti uNgezana ulishiyile iqela lamakhosi esingise eRomania, uCastillo yena usuka phesheya weza kwiChiefs njengomdlali ozokusombulula umbanzela wesisu kweliqela.

UAndile Jali nanko elandele uSteve Kompela besuka kwiSundowns baya kwiSwallows, sibona uMdu Mdantsane ekwiChiefs esuka kwiCape Town City kwintaba yetafile ezodlala egoli apho kunqabe nolwandlwe, nanko uMandiete ekwiSundowns ngoku esuka kulentaba yetafile yena kwiStellies eKapa, uThabo Rakhale umkile mpela kuleleague yena ukhumbule ukuba sele evela kudlalela amaqela afana nePirates nalapho ebethandwa ngabalandeli wayovela kwiChipa United nanko enxibe impahla zeYoung Africans ngulo kaluko wophule iintliziyo zabalandeli beChiefs izolo ngomgqibelo efaka inqaku elenze ibethwe ngelinye eqandeni iChiefs.

Unganyebelezeli kuzakudlalwa mfundi ziyeza ezinye ezingaphulu kwezi awukwazi ukuphoso sikholo wena siyabuya nezinye.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.2 ° C
11.2 °
11.2 °
76 %
3.8kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks