15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Uqinisekile uba apha entloko zithi dadobawo?

Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithathe amanyathelo akhawulezileyo ukukhawulelana nengxaki yempilo yengqondo ekhulayo eMzantsi Afrika.

Isebe libambe iSeshini yoPhuhliso loMgaqo-nkqubo weMpilo yeNgqondo kunye neSicwangciso soBuchule obubanjelwe eMonti International Convention Centre ( ICC). Iseshoni, iqale ngoMvulo de yaququnjelwa izolo elinye. Ukanti le seshoni ibinika iqonga kwisebe lezempilo, abachaphazelekayo, iingcali zokuxoxa kunye nokudala izicwangciso ezisebenzayo zokujongana neenkxalabo zempilo yengqondo kwiphondo.

Ngexesha lale seshoni uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth ubalule ukuzinikela kwesebe ekujonganeni nalo mba,” Uthi batyumba abacebisi ababhalisiweyo abangamashumi amathathu ananye (31). Esithi baqinisekile belisebe ukuba baza kuzigcwalisa izithuba ezihlanu eziseleyo. UMphathiswa ukwathe ukuqeshwa komlawuli omtsha wezempilo yengqondo uMnu. Tshali, ukuphuculwa kweenkonzo zempilo yengqondo kunye nenkxaso kwiphondo kubalulekile ukuze kuqinisekiswe ukuba umntu ngamnye uphila ubomi obusempilweni nobanelisayo.

Ngokubeka phambili ukhathalelo lwempilo yengqondo, iSebe lezeMpilo leMpuma Koloni lithi lijolise ekunciphiseni iziganeko zokuzibulala kunye nokubonelela ngezixhobo eziyimfuneko kunye nokhathalelo kwabo baphila nokuphazamiseka kwengqondo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks