Amanye amalungu eAfrican National Congress (ANC) ayinxalenye yephulo i#NotwithDA eRhawutini, avakalise ukuchasa kwawo umanyano neDemocratic Alliance (DA).
Ngokwengxelo zeendaba zeSABC, ikomiti yolawulo yeANC kuzwelonke bekulindeleke ukuba ibambe indibano ekhethekileyo namhlanje kwihotele iBirchwood eBoksburg, eRhawutini apho kuzakuxoxwa ngeendlela zomanyano olulandela unyulo lukazwelonke apho lo mbutho usilele ekufumaneni isininzi.
Ilungu le-ANC u-Esethu Hasane uthe kukho intlaninge yamanqaku osasazo afuna ukufaka uxinzelelo kwi-ANC ngokucebisa ukuba ukuphela komfelandawonye onokuthi usebenze ngumfelandawonye weDA.
UHasane uthi, “Siya kwiANC yethu siyokutsho kwiinkokheli zeNEC yethu ukuba simanyane kunye nabo kwaye sithi naluphi na uxinizelelo olukhoyo mabangamameli.

