Amapolisa abambe abarhanelwa ababini ngezityholo zokufunyanwa ne-’Abalone’.

Amagosa amabini asebupoliseni abambe abarhanelwa ababini abaneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) kunye namashumi amathathu ananye (31) ngokufunyanwa ne-abalone exabisa ngaphezu kwe-R43 000.00 kuN2 ngaseCintsa izolo umhla wesine (04) kweyoMsintsi 2024.

Ngelixa amapolisa amabini ebengekho-msebenzini, afumene ulwazi malunga nemoto ehamba ku-N2 ithutha i-abalone isiya eMonti. Emva koko la magosa anxiba iyunifomu yayo ze bazifaka emsebenzini. Bacela uncedo kumafama akufutshane. La magosa athe akufumana esi sithuthi asiyalela ukuba simise ecaleni kwendlela ukuze kugqogqwe isithuthi nokuphendula imibuzo embalwa, oku kwezeke kwindlela engaseCintsa, afumana i-’abalone’ kunye neesuti zokuntywila elwandle.

Amapolisa afumene iiyunithi ze-abalone ezilikhulu namashumi asibhozo anesixhenxe (187), iisuti zokuntywila, kunye nemoto njengoko ibisetyenziswa kobubuqhetseba. I-abalone le iye yanikezelwa kwiSebe lezamaHlathi, ukuLoba, kunye nokusiNgqongileyo.

Aba barhanelwa bazakuvela kwinkundla kamantyi eMonti namhlanje umhla wesithandathu (06) kweyoMsintsi 2024.

UMkomishinala weSithili uNjengele Omkhulu uNgangema Xakavu uzibulele iinzame zamalungu angazange azihoye ezi nkcukacha xa zisasazwa nawo, nangona ebengekho emsebenzini.

“Siyawaxabisa amalungu e-SAPS asebenza ngokuzinikela ukulwa nokuthintela ulwaphulo-mthetho, amapolisa aza kuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka, uvale ngalo mazwi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
93 %
2.8kmh
100 %
Sun
25 °
Mon
23 °
Tue
32 °
Wed
19 °
Thu
17 °

EZITHANDWAYO INDABA