UPaul Mashatile uthi uyalele ukuba amapolisa enze ngokusemthethweni xa edubulana nabarhanelwa.

UMashatile ebejongene nemibuzo kwiNdlu yoWiso-mthetho ngoLwesine malunga nokuqatsela kweziganeko apho abarhanelwa badutyulwa ze babulawe ngamapolisa ingakumbi KwaZulu-Natal.

Kodwa uMashatile wongeze ngelithi uluntu kufuneka luncedise ngokubhentsisa izaphuli mthetho ukunqanda ukudubulana okukhoyo phakathi kwamapolisa nabarhanelwa abaxhobileyo. UMashatile ebejongene nemibuzo kwiNdlu yoWiso-mthetho ngoLwesine malunga nokuqatsela kweziganeko apho abarhanelwa badutyulwe babulawa ngamapolisa ingakumbi KwaZulu-Natal.

Usekela mongameli wabuzwa malunga nento ayenzileyo njengosihlalo wezobulungisa, uthintelo lolwaphulo-mthetho kunye neqela lokhuseleko ukuthintela udubulo olubulalayo phakathi kwamapolisa nabarhanelwa.

Kule veki iyodwa, abarhanelwa abathandathu babulewe kumadabi okudubulana namapolisa eKZN. Kodwa uMashatile uthe amapolisa ayalelwe ukuba enze ngokusemthethweni.

“Lo myalelo uyicacisa gca imfuneko yomthetho ekufanele ilandelwe ukuqinisekisa ukuba ukuziphatha kwamapolisa kusemthethweni kwaye kusengqiqweni.”

Ukwathe noluntu lunokunceda ekupheliseni ukudubulana ngokuxela izenzo zolwaphulo-mthetho.

“Ukwenza ukuba bakwazi ukuphendula ngokukhawuleza kwaye babambe bonke abophuli-mthetho kwiindawo esihlala kuzo ukuthintela ukudubula okwenzekayo ngoku.”

Uthe oovimba abaninzi bazakufakwa kubuntlola bolwaphulo-mthetho ukuze kulungiswe izinga elikhulayo lolwaphulo-mthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA