Amapolisa abambe abarhanelwa abasibhozo ngezityholo zokuxhwilwa kwabantu.

Amapolisa abambe abarhanelwa abasibhozo (08), afumana iimoto ezimbini ezibiweyo, umpu ongenampepha-mvume, ze ahlangula usapho (amaxhoba amathandathu). Oku kulandela ukuxhwilwa kwabantu kweentsuku ezimbini eLusikisiki.

Kutyholwa ukuba ngeCawe, umhla-30 kweyeSilimela, malunga nentsimbi yeyeSixhenze (19:00), iqela labarhanelwa ababexhobile abalishumi (10) langena kumzi okwingingqi yaseFrance, eLusikisiki.

Kukwatyholwa ukuba abantu abathandathu (6) aba bengaphakathi baye bakhonjwa ngemipu, ze bathathelwa ifowuni zabo. Abarhanelwa bakwaphinde beba isithuthi sosapho (iveni yohlobo lweToyota), baxhwila amaxhoba, bawasa kwelinye ikhaya kwindawo yaseMagcakani eLibode.

Kwakhona kuthiwa kusuku olulandelayo ngomhla we-1 kweyeKhala, elinye lamaxhoba lanyanzelwa ukuba lihambe nelinye iqela labarhanelwa ukuya kukhupha imali eMthatha, ngelixa amanye amaxhoba amahlanu (5) eshiyeka ngasemva.

Ngentsasa yangoMvulo, umhla woku-1 kweYekhala, amapolisa afumana isikhalazo sokuduka kwamalungu osapho amathandathu (3). Ngoko nangoko, kwaqaliswa igqiza lokulandela umkhondo, yaye ngoncedo lwenkampani yabucala yokulandela umkhondo wezithuthi, amapolisa akhokelelwa kumzi othile eLibode.

Ukusuka kweli khaya, amapolisa ahlangule amaxhoba amahlanu (5) aze abamba abarhanelwa abane (4). Kufunyenwe omnye ongenamaphepha-mvume komnye wabarhanelwa.

Uphando oluthe kratya lwamapolisa lukhokelele ekubeni kubanjwe abarhanelwa abane kwaze kwafunyanwa iveni yohlobo lweToyota ebibiwe kunye neRenault Clio, eMthatha.

Ixhoba lesithandathu kamva lifunyenwe lingenawo nomkrwelo kwisikhululo samapolisa eMadeira. Ulwazi olukwiirekhodi zamapolisa lubonisa ukuba wakhululwa emva kokuba imali ikhutshiwe kwi-ATM.

Abarhanelwa abasibhozo abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesihlanu (25) namashumi amane anesine (44) bavele ngokufutshane kwinkundla kamantyi eLusikisiki izolo umhla we-3 kweyeKhala ngezityholo zokuxhwila, kwaye ityala labo lihlehliselwe unamhlanje umhla wesine (4).

Kukho amathuba entlawulo eyongezelelweyo kwinqanaba lokugqibela lophando.

Umkomishinala obambeleyo wePhondo, uMajor General Zithulele Dladla ubaqhwabele izandla bonke abachaphazelekayo ngendima abayidlalileyo kweli phulo.

“Amapolisa achulumancile ngomsebenzi oyimpumelelo wokuhlangula kunye nokubanjwa kwabarhanelwa.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
21.7 ° C
21.7 °
21.7 °
51 %
5.3kmh
0 %
Tue
20 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA