Amapolisa abambe uMfundi weBanga 11 ofunyenwe enompu.

By Ongeziwe Ntondini.

Amapolisa aseMajola, alunywe iindlebe malunga nomfundi oneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala kwindawo ahlala kuyo eNgxongweni, eLuthengele A/A, ngorhatya lwangoLwesibini umhla we-04 kweyoKwindla 2025.

Ngokwengxelo yamapolisa ukugqogqwa kwegumbi lakhe kubangele ukuba kufumaneke umpu we-9mm. Lo mfundi, ophuma kwingingqi yaseSwazini, uye wabanjwa kwangoko.

Amapolisa aphanda ukuba lo mfundi uwufumene njani lo mpu kwaye asebenzela ukufumanisa umnini wawo ngokusemthethweni.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseBhayi namhlanje, ejongene nezityholo zokuba nompu ongekho mthethweni.

Ibambela lomkomishinala wesithili saseOR Tambo, uBrigadiya Vukile Ntuli, uncome amapolisa ngempendulo yawo ekhawulezileyo.

“Ukususwa kwalo mpu kwindawo yesikolo kuqinisekisa ukhuseleko lwabafundi nootitshala. Asikwazi ukuvumela izixhobo ezikolweni, njengoko zidala uloyiko nokungazinzi kwindawo yokufundisa nokufunda,” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA