Uluntu e-BCM luyavutha ngumsindo ngenxa yokungqongophala lwamanzi olwenzeka rhoqo kulo masipala.

By Lilitha Phenduka.

Njengoko ukungabikho kwamanzi kuhlasele iindawo ezininzi kumasipala ombaxa waseBuffalo City i-Daily Dispatch idize ukuba abahlali baseDucats eMonti ngoLwesithathu bavale uhola wendlela uN6 ngamatye namavili avuthayo bekhalazela ukungafumani manzi acocekileyo kangangeenyanga ezimbini.

NgoLwesithathu, usodolophu waseBCM uPrincess Faku ububambe indibano engxamisekileyo namagosa aphezulu kumasipala ombaxa, usihlalo webhodi yaseAmatola, usihlalo wekomiti yebhodi yobuchwephesha kunye nentloko yesebe lezamanzi nogutyulo ephondweni kwaye bagqibe kwelokuba baseke iqela elisabela ngokukhawuleza ukuze baqinisekise unikezelo lwamanzi olungenamthungo eluntwini.

Ukungqongophala kwamanzi kutyholwa ngokonakalisa, uqhagamshelo olungekho mthethweni, ulwakhiwo olutsha olwandayo, izindlu ezakhiwe phezu kwemibhobho yamanzi kunye neziseko zophuhliso ezigugayo.

Abasebenzi baseburhulumenteni kuye kwafuneka bashiye imisebenzi kwangoko okanye basebenze ekhaya ngenxa yokungabikho kwamanzi okwethutyana kwezi nyanga zidlulileyo.

Ithala leencwadi eMonti bekufanele ukuba linqumamise amaxesha alo ngenxa yamanzi angqongopheleyo lonto echaphazela abo bafundayo kwaye abasebenzi bakarhulumente abaphoxekileyo bathi ukuhanjiswa kweenkonzo kungxamisekile.

Isithethi somasipala ombaxa uSamkelo Ngwenya ucele uluntu ukuba lwamkele ungenelelo olungxamisekileyo lweetanki zamanzi, kwaye engxengxeza kuluntu ukuba luncedise ekukhuseleni iziseko zoncedo zikarhulumente ecela abemi basebenzise amanzi ngononophelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
64 %
2kmh
82 %
Sun
24 °
Mon
23 °
Tue
23 °
Wed
31 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA