Amapolisa afumane ifoto yowasetyhini apho umzimba wakhe ufunyenwe eHobie Beach.

Abacuphi baseHumewood eGqeberha bakhangela isazalwane sowasetyhini ekufunyenwe umzimba wakhe kulwandle lwaseHobie phakathi kwendawo yokutyela kunye neHappy Valley ngobusuku bangoMvulo.

Lo wasetyhini ekukholelwa ukuba uneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala, obenenxeba elibonakalayo entloko, ekukholelwa ukuba lelembumbulu.

Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthi umzimba ubhaqwe ngentsimbi yesibhozo ebusuku.

Ngokutsho kukaBeetge, kwavulwa ityala lokubulala.

Abacuphi ngoku bafumene ifoto kamfi apho anxibe impahla efunyenwe kuye.

Nabani na onokuthi ancedise ekuchongeni lo mfazi uyabongozwa ukuba aqhagamshelane noDetective Constable Ridwaan Baatjies wesikhululo samapolisa saseHumewood ku-073 130 3018.

Abo banolwazi bangaqhagamshelana no-08600 10111 okanye batyelele isikhululo samapolisa esikufutshane nabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18 ° C
18 °
18 °
91 %
1.8kmh
100 %
Sat
18 °
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA