Ikhusela indebe yayo iZambia nenethemba lokuyiphumelela okwesibhozo.
Namhlanje umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeSilimela ngoLwesithathu ezintsukwini iqela leBafana Bafana elingabahlinzeki beNdebe yeCOSAFA bazakube bedlala umdlalo wokuqala (1) kuGroup A.
Iqela lebhola ekhatywayo loMzantsi Afrika iBafana Bafana liqubisana neqela lesizwe lebhola ekhatywayo laseMozambique kumabala iNelson Mandela Bay eGqeberha namhlanje. Lamaqela mabini iBafana neMambas adlala ngentsimbi yesithandathu (18h00) malanga.
UMzantsi Afrika ziinjinga zendebe yeCOSAFA amatyeli amahlanu, iBafana iyiphumelele lendebe ngonyaka ka2022, yaphinda ngo2007, yayikhusela ngo2008 yayiphinda ngo2016, igqibelise ngonyaka ka2021 ukuyiphumelela.
Kunyaka ka2023 ukutsho oko kunyaka ophelileyo iBafana ibethwe ziinjinga iZambia kumandulela kamagqibela kankqoyi. Eli qela lebhola ekhatywayo loMzantsi Afrika liye laphuma kwindawo yesithathu kulonya uphelileyo ngethuba libetha iMalawi kwiipenalthi.
Umqeqeshi weliqela kulendebe kulo unyaka nongusekela mqeqeshi weBafana ukhethe abadlali abanamava nabasaqalayo. Singabalula abadlali abafana noDarvin Tutas, uYonela Mbuthuma noJaedin Rhodes.
IMozambique iphume kwindawo yesibini amatyeli amabini ngonyaka ka2008 nonyaka ka2015. Kunyaka ophelileyo iMambas azikwazanga ukugqitha nakumjikelo wokuqala emva kokulandela emva kweLesotho neAngola kwiGroup yayo.
Emva kokubetha Somalia neGuinea kwimidlalo yokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi yebhola ekhatywayo, loo nto izakwenza ukuba badlale okokuqala kwindebe yehlabathu ukuba byaqhuba ngokudlala kakuhle.
Lamaqela iMambas neBafana badlale amatyeli alishumi ukusuka kunyaka ka1995 ukuzakuthi gaa ngoku. IBafana iyibethe izihlandlo ezisixhenxe iMambas, yona iMozambique iphumelele kabini idlala noMzantsi baze badlala ngokulingana kanye (1).
Lamaqela mabini akhe adlala umdlalo wamazwe ngamazwe ehlabathi kunyaka ka2022 ngenyanga nalapho iBafana yaphumelela ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) ngamanqaku afakwa omabini nguBonginkosi Hlongwane.
IZambia lelona qela liyiphumelele amatyeli amaninzi ngethuba iphumelela kasixhenxe (7), ukhumbule ukuba iChipolopolo ngabakhuseli balendebe kunjalo nje bazakube beyiphumelela ityeli lesithathu ukuba bayikhusele kweli ityeli.
Zibuyile ezaseZimbabwe ukuzakuthabatha inxaxheba kulendebe oko yagqibela ngonyaka ka2021. IKenya yona ingena njengeqela elimenyiweyo.
Umdlalo wokuvula namhlanje yimpinda yomdlalo wokuvula wonyaka ophelileyo nozakuba phakathi kwe-Eswatini neBotswana. Ukhumbule ukuba lomdlalo kunyaka ophelileyo waphunyelelwa yiBotswana ngenqaku elinye eqandeni (1-0). Lamaqela adlala kugroup A.
Lomdlalo walamaqela uqala ngentsimbi yesithau(15h00) emva kwemini.
By Siphiwo Boqwana