Amalungu ombutho iTactical Response Team (TRT) eMthatha athe gqolo kwindawo ehlala omnye waba bantu ekukholelwa ukuba nguye osemva kwezigebenga zemigewu yemali ephondweni.
NgoLwesine, umhla we-25 kweyeKhala ngo-2024, amapolisa aphethe incwadi egunyazisa ukugqogqa ze agqogqa umzi oseMdikisweni, kuTsolo kulandelwa ulwazi olufunyenweyo. Kuloo ndawo, amapolisa afumene iziqhushumbisi ezithengiswayo zifihlwe phantsi kwebhedi, kwaze kwavulwa nedokethi lophando ukuze kuqhutyekwe nophando.
Iingcali zeendawo zolwaphulo-mthetho ze-SAPS kunye nezinye iingcaphephe zecandelo leziqhushumbisi ziye zabizwa ukuba zincedise ekuqhubeni ugqogqo kuule ndawo yexhwayelo.
UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene uyakwamkela oku. “Kuyancomeka ukuhambelana nokuzibophelela okubonakaliswa ngamalungu. Siyathemba ukuba kungekudala, abacuphi bazakubuya neziphumo ezintle, kwaye kukho umntu oza kuhlawuliswa ngokwaphula umthetho we-Explosives Act 15 ka-2003., agwetywe iminyaka eyi-20 entolongweni.”, wongeza ngelitshoyo uLt Gen Mene


