19.2 C
King William's Town
Tuesday, March 25, 2025

AMAPOLISA AFUNA INTWAZANA ELAHLEKILEYO E-GQEBERHA

Isebe lokukhuseleka kwabantwana nolwaphulo mthetho ngokweSondo eGqeberha licela uncedo kuluntu ngokukhangela lentwazana elineminyaka elishumi elinesixhenxe (17) elalahleka ngomhla wethoba kweyeSilimela 2023.

Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanyiweyo malunga nentsimbi yesixhenxe (07:30) uJoshua De Jager walishiya iZiko loKhathalelo loLutsha e-Erica House e-Cleary Estate ukuya kwisikolo sakhe (isikolo samabanga aphakamileyo saseCilliers). Wabonwa esikolweni, kodwa akazange abuyele kwiZiko.

Wayenxibe ibhulukhwe eluhlaza yesikolo sakhe, isikipa esiluhlaza kunye neetakki ezimnyama. Kurhaneleka ukuba ukwingingqi yaseJeffreys Bay.

Kucelwa nabani na onokuthi ancedise ekumkhangeleni okanye onolwazi apho akhoyo atsalele umnxeba uD/Const Mziwethemba Klaas ku- 082 565 0189 okanye uCrime Stop ku- 08600 10111 okanye aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
87 %
2.7kmh
92 %
Tue
19 °
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
20 °
Sat
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks