12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

OKWISHUMI ELIVISAYO UBHUBHE NGOKUBULAWA YIMBUMBULU IBINGAJOLISANGA KUYE

Ukhomishinala wephondo uNjengele,Nomthetheleli Mene umemele ukuba abanjwe ngokukhawuleza lo unetyala lokubhubha kwabantu ababini kunye nokwenzakala komnye eBethelsdorp eGqeberha phezolo ngobusuku, ngomhla wamashumi enesibini kweYesilimela ku-2023.

Malunga nomkhono emva kwentsimbi yesithandathu, amapolisa aye ajonga isikhalazo sokudubula eLawrence Erasmus Drive eBloemendal, apho amadoda amabini afunyenwe eleli phantsi. Indoda enye, uJustin Malgas oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala wasweleka. Ufumene amanxeba okudutyulwa amaninzi ngelixa elinye ixhoba, elineminyaka elinamashumi amabini anesithandathu ubudala linenxeba lukudutyulwa entloko nasengalweni. Uye wasiwa esibhedlele ukuze afumane unyango. Ixhoba lesithathu elineminyaka elishumi elinesine nalo ladutyulwa emqolo. Wabhubha kukwenzakala kwakhe ngethuba esendleleni eya esibhedlele.

Kutyholwa ukuba lamadoda mathathu ayehamba eLawrence Erasmus Drive xa bedutyulwa zimbumbulu ezisuka kwimoto i-renault esilivere. UMalgas ubhubhele kwindawo yoxhwayelo ngelixa elinye ixhoba lisiwe esibhedlele kwaye ixhoba lesithathu eli likwishumi elivisayo labaleka, uKurtley Rossouw owayengaphandle kweyadi wabethwa yimbumbulu ibihamba emoyeni.

Esi sehlo sinxulumene nemigewu kwaye uphando lolwaphulo mthetho olucwangcisiweyo kwiphondo ( uphando lwamaqela emigewu) luphanda amatyala amabini okubulala kunye nelinye lokuzama ukubulala.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise kuphando lokufumana umrhanelwa ukuba aqhagamshelane neenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika aseBethelsdorp ku-0414043010 okanye umiso lwaphulo-mthetho ku-0860010111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

U-Njengele uMene uhlaba ikhwelo kuluntu ukuba luncedise amapolisa ekulandeleni nasekubambeni abarhanelwa. “Kubuhlungu xa abantwana besiba ngamaxhoba olwaphulo mthetho. Asingomalungu obugulukudu adutyululwayo kuphela, kodwa nabemi beli abamsulwa abathobela umthetho nabo bahlawula ixabiso ngenxa yobudlobongela yamaqela emigulukudu. Ndibongoza uluntu ukuba lungasibethi mehlo olu lwaphulo-mthetho lumandundu, endaweni yoko sebenzisana nathi ekuqinisekeni ukuba aba baphuli-mthetho bavalelwe ngaphaya kwezitshixo apho bafaneleke khona. Utshilo uNjengele Mene

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks