AMAPOLISA AFUNA UNCEDO LWONKE-WONKE EKUSONBULENI UKUBULAWA KWABAQESHWA ABATHATHU EPOSINI

Amapolisa azingela abarhanelwa ababandakanyeka kwizehlo ezahlukeneyo apho abasebenzi abathathu(3) beposi badutyulwe ngokungenalusini kwingingqi yaseJaca ngoMvulo umhla we(17 April 2023) kunye neposi ekutyholwa ukuba baphangiwe ngoLwesibini eFlagtaff.

Ngokwengxelo yamapolisa kutyholwa ukuba abarhanelwa bebehamba ngemoto ebomvu okanye e(Maroon) abathe bayimisa ze badubula kwiFord Ranger emhlophe nebithutha abasebenzi basePosini abathathu ababhinqileyo kwindlela yegrabile eJaca Locality, eFlagstaff.

Amaxhoba omathathu aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu(30) ukuya kumashumi amathathu anesixhenxe(37) ubudala naye ngelishwa abhubha kwesisiganeko.

Sithetha nje abarhanelwa basagcwele amathafa kwaye isithuthi ebesisetyenziswa ngabarhanelwa sibomvu okanye simaroon ngombala. Ukwenziwa kwesithuthi asaziwa okwangoku kwaye ityala lokubulala (amatyala amathathu) livuliwe ukuze kuqhutyekwe nophando.

Kwesinye isiganeko, nesenzeke ngoLwesibini, umhla we18 kuTshazimpuzi ka 2023 malunga nentsimbi yesibhozo(08:00) kutyholwa ukuba amadoda amathathu angaziwayo ebexhobile ngethuba ejolise ePosini yaseFlagstaff.

Kukwatyholwa ngelithi lamadoda mathathu angena ePosini kwisitalato iMain, abamba abasebenzi ngemipu. Abarhanelwa bakwazile ukuba isixa-mali esingachazwanga kunye neeselfowuni zabasebenzi phambi kokuba babaleke kwindawo yexhwayelo.

Amapolisa abongoza ukuba nabani na onokuba nolwazi olunokuthi ancede kuphando lwawo kula matyala mabini ukuba atsalele igqiza eliphandayo ku-082 301 7762. Olu lwazi lungadluliselwa nakunombolo yeCrime Stop ku-08600 10111.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uzigxekile ezi ziganeko kwaye ngoko nangoko uye wamisela igqiza ukuze lilandele umkhondo kubanjwe abanzi bobubi. Uluntu nalo luyabongozwa ukuba luze ngaphambili kwabo banokubanawo umkhondo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA