AMAPOLISA AFUNISA NGONQEVU OTHILE NOBEZAMA UKUBULALA EGQEBERHA

Amapolisa aseGqeberha akhuphe incwadi egunyazisa ukubanjwa kwendoda nekwiqela lemigulukudu etyholwa ngoba ibandakanyeka kwilinge lokuzama ubulala abantu ababini eHelenvale ngoCanzibe ka-2022.

Kutyholwa ukuba ngomhla we23 kuCanzibe 2022 malunga nentsimbi yesibhozo(08:00) kusasa amaxhoba amabini adutyulwe eDeveril Road ngumrhanelwa. lamaxhoba mabini aquka indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe(37) ubudala neyayimi epasejini ngethuba loludubulo.

Ixhoba ke liqalise ukubaleka lisukelwa ngumrhanelwa. Ngethuba lesi sehlo, kwenzakele Umntu omsulwa .

Umrhanelwa uyaziwa kwaye ebephepha amapolisa. Amapolisa akhangela umrhanelwa ofunwayo, u-Elrico Finnes@Boy kwaye nabani na onolwazi apho akhoyo, uyacelwa ukuba atsalele umnxeba uD/Sgt Xolani Sokanyile (uPhando lwemigulukudu) ku-082 442 2270 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. . Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa. Amapolisa akholelwa ukuba umrhanelwa usenokuba useKamesh okanye ePort Alfred.

Ingxelo:Anitha Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA